15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Emka amayeza ezigulane ngooNqevu baseGqeberha

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lisothukile lubambe ongezantsi ngumkhwa woonqevu abaphange, bexhwila isithuthi nebithwele amayeza ezigulani phantsi koMaspala weNelson Mandela Metro eGqeberha izolo.

Esi sehlo senzeke emva kokuba umqhubi weloli ebesothula amayeza kwikliniki yaseNU 8 eGqeberha ngentsasa yangoLwesihlanu.

Kuvele kwathibgqi amadoda amane(4) angaziwayo aphethe imipu ze asondela kweli ziko aqweqwedisa umqhubi andula ukuthatha ilori.

Aba bahlaseli babaleke neloli, isagcwele injalo ngamayeza ebekufanele ukuba asiwa kwezinye iindawo nezingamaziko ezeMpilo eGqeberha.

Kuye ke kwatsalelwa umxeba amapolisa nakhawuleze asabela ze yabe iyafunyanwa ilori kwisitalato iSohobese kwaNU11 eMotherwell.

Kwesisiganeko kubanjwe wamnye umrhanelwa logama abanye besakhangelwa.

Umphathiswa wesebe lezempilo uNomakhosazana Meth usikhalimele kabukhaki esi sehlo, kwaye ebulela nangomsebenzi oncomekayo owenziwe ngamapolisa.

“Siyasigxeka esi senzo sobugebenga nendelelo. Xa abaphuli-mthetho behlasela amaziko ethu kwaye besiba namayeza kuluntu esilusebenzelayo yingxaki embi kakhulu leyo” lamayeza ajonge ukunceda abantu abahluphekayo nabadinga uncedo.

“Simemelela uluntu ukuba luthathe inxaxheba nokubanga izinto ezizezabo ingakumbi ezisuka kuRhulumente zinceda bona, kwaye basincedisa kukhuseleko lwabasebenzi bezeMpilo kubaphuli-mthetho,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks