Iqela lebhola ekhatywayo laseNgilane nelidlalelwa ngumdlali weBafana Bafana lehliselwe ukusuka kwiEnglish Premier League (EPL) ukuya kwiChamionship ezantsi.
Iqela elidlalelwa nguLyle Foster walapha eMzantsi nosele odlalela iBurnely eNgilane, lehliselwe kwiligi esezantsi. Oku kwehla kweBurnely kwenzeke emva kokuba bebethwe yiTottenham ngomgqibelo umhla weshumi elinanye (11) kuCanzibe ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).
IBurnely ihleli unyaka wamnye kuphela kwiEPL. Iqela lomqeqeshi uVincent Kompany liqokelele amanqaku angamashumi amabini anesihlanu (25) liphulukana nemidlalo engamashumi amabini anesibini (22), yadlala ngokulingana amatyeli alishumi (10) baze baphumelela nje imidlalo emihlanu (5) kuphela.
IBurnley lelinye lamaqela avulele ukuba kufakwe amanqaku amaninzi kulo, kufakwe amanqaku angamashumi asixhenxe anesithandathu (76) kwaye akwindawo yesithathu (3) emva kweqela iLuton Town evulele amanqaku angamashumi asibhozo ananye (81) kwakunye neSherfield United evulele amanqaku alikhulu elinomvo (101).
UFoster ebekwiqela lokuqala labadlali abalishumi elinanye (11) bokuqala kulomdlalo weBurnley neTottenham Hotspurs.
Kumdlalo wokugqibela iBurnley izakuqubisana neNottingham Forest nesanda kubethwa yiChelsea. UFoster ongumdlali weBafana Bafana nongowalapha eMzantsi Afrika ulisebenzele eliqela ngokulifakela amanqaku.
Kwimidlalo asele eyidlalile kweliqela leBurnley engamashumi amabini anesithathu (23) uLyle ufake amanqaku amahlanu (5) wancedisa izihlandlo ezintathu (3).
ULyle Foster oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala nowayesaku dlalela iqela lalapha eMzantsi kwiPSL iOrlando Pirates, uye wagula ngokuphazamiseka kunyaka ophelileyo ngenyanga yeKhala, oko kusenzeka emva kokutyikitya isivumelwano esitsha neside.
Into yokugula kwakhe UFoster yenze ukuba aphoswe kukudlala kukhuphiswano lwemidlalo yendebe yeCAF yamazwe aseAfrika nebidlalelwa eIvory Coast, neyathi yaphunyelelwa ngabo abahlinzeki.
By Siphiwo Boqwana

