IMamelodi Sundowns nangona sele iyiphumelele iligi isesethubeni lokuseka amarekhodi amatsha kwiPSL. ISundowns ishiyekelwe yimidlalo emine (4) ukuquka lo izakuwudlala namhlanje.
Emva kokuba iSundowns ibethe iRoyal AM ngenqaku elinye eqandeni (1-0) kwimpelaveki esiphuma kuyo ngenqaku likaPeter Shalulile basethubeni lokuwakrwabaza amarekhodi ePSL.
Namhlanje ngentsimbi yesixhenxe (19h00) ebusuku iSundowns indwendwela iRoyal AM kumabala iHarry Gwala eThekwini neqeqeshwa nguJohn Moduka. Kwelinye icala uJohn Moduka ufuna kakhulu ukuwuphumelela lomdlalo kuba iyasondela iRichards Bay enamanqaku angamashumi amabini aanesixhenxe (27) ibe yona inamashumi amabini anethoba (29).
IRoyal AM ihleli kwindawo yeshumi elinesine (14), iNatal Rich Boys ikwindawo yeshumi elinesihlanu (15). ICape Town Spurs yona yehliselwe kuNFD ezantsi emva kwamanqaku alishumi elinethoba (19) kwindawo yeshumi elinesithandathu (16).
ISundowns isenalo nethuba lokophula irekhodi lamanqaku angamashumi asixhenxe ananye (71) kuluhlu lamaqela ePSL. Ukuba iSundowns iphela isizini ingabethwanga uMokwena uyakube wenze irekhodi elitsha aphinde agqithe kumanqaku angamashumi asixhenxe ananye (71), uyakube kwelinye icala ubetha elikaPitso Mosimane owayesa kuqeqesha eliqela, kananjalo uzakubetha abaqeqeshi abaziwayo uGordon Igesund, uTed Dimitru kwakunye noGavin Hunt.
By Siphiwo Boqwana

