EzoLimo eMpuma Koloni zivavanya umonakalo womlilo wamadlelo.

By Anita Qubula.

Amadlelo omlilo eMpuma Koloni kuQumbu abulele igusha ezilikhulu elingamashumi asibhozo.

ISebe lezoLimo eMpuma Koloni lithumele amaqela ayokuhlola umonakalo odalwe yimililo yamadlelo etshise indawo enkulu kwisiqingatha esikwimpuma yeli phondo.

Abafuyi beegusha kwindawo yakuQumbu bafumene ilahleko enkulu nalapho kubhubhe iigusha ezikwikhulu elinamashumi asibhozo (180) kumlilo otshise indawo leyo.

Amafama akulo mmandla acela uncedo, kwaye adinga ukutya kwemfuyo yawo njengoko lonke idlelo lilahlekile.

Imililo ibiqhutywa yimimoya ebhudla ngamandla ebikhapha umphambili obandayo otyhutyha ilizwe lonke.

Umlilo ukwatshise amakhaya angaphaya kweshumi kwilali yaseMarhombe ngaseNqanqarhu, washiya abantu ababini bonzakele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA