Indlela ephakathi kwentaba eBarkly Pass isavaliwe njengoko kusekho ikhephu elishinyeneyo endleleni.

By Anita Qubula

Indlela iBarkly Pass ku-R58 phakathi kweBarkly East neKhowa isavalelwe kwiimoto nanjengoko isagqunywe lukhephu.

Othethe egameni lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi amagosa asathe gqolo ukubeka iliso kwimeko yezinye iindlela ezisemagqagaleni kweli phondo.

UBinqose uthi kukwakho nezithuthi ezixinge kwiBarkly Pass kwaye ezo ziza kuhlangulwa xa iimeko ziphucuka.

“Akusekho mimoya ebhudla ngamandla kwaye akusayi kubakho khephu kwaye zonke iindlela zethu zeentaba zivulekile abantu bangazisebenzisa ngaphandle kweBarkley Pass.”

Ukwathe, kuyekile ukukhithika kwekhephu apho kodwa kuqhaqhazelisa amazinyo kwaye amaqondo obushushu aphezulu asekwidijithi enye. Ndicinga ukuba ubuncinane be -5°C kunye nobuninzi be -6°C.

Nangona kunjalo, sikholelwa ukuba ikhephu liza kunyibilika kwaye naloo ndlela yasezintabeni iza kuvulelwa abantu abahambahambayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA