14.3 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Hambela kude kwiziyobisi ezingundonakele

Isikhululo samapolisa saseCambridge sibambe iMbizo malunga nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini e-Amalinda Forest kwiCawe yaseMpitipiti.

Kulo msitho iMasimanyane, iSANCA, kunye nophuhliso loluntu apho bamenywe ukuba bafundise uluntu malunga nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Oku kuza emva kokubhubha kukaSivenathi Ncunyana owabulawa sisithandwa sakhe kwihlathi lase-Amalinda.

Iinjongo ibikukwazisa uluntu ngento ekufuneka ixeliwe ukuze kuthintelwe ukuxhatshazwa okukhokelela ekubulaweni kwamanina.

Inkumanda yesikhululo samapolisa aseCambridge uBrigadier Mdlankomo uthi balunike inkxaso usapho lukaSivenathi Ncunyana kwaye basancedisa olu sapho.

Wongeze ngelithi, iphulo lokwazisa uluntu lelinye lamaqhinga abawasebenzisayo ukulwa ulwaphulo-mthetho nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Eyona ngxaki ixhaphakileyo iSAPS kukuba abantu abazixeli iziganeko ezinje.

Uphuhliso loluntu lucebise uluntu ukuba luxele uxhatshazo egameni lexhoba ukunqanda ukuthetha emva kokwenzeka kwesehlo, kwaye bagcine abo bantu baxelayo kungaziwa ukubakhusela.

I-SANCA ithi ukuzikhwebula kwiziyobisi ezingekho mthethweni ngundoqo wokuphepha ukusetyenziswa kweziyobisi okukhokelela kubundlobongela

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
54 %
4.6kmh
11 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks