Hambela kude kwiziyobisi ezingundonakele

Isikhululo samapolisa saseCambridge sibambe iMbizo malunga nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini e-Amalinda Forest kwiCawe yaseMpitipiti.

Kulo msitho iMasimanyane, iSANCA, kunye nophuhliso loluntu apho bamenywe ukuba bafundise uluntu malunga nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Oku kuza emva kokubhubha kukaSivenathi Ncunyana owabulawa sisithandwa sakhe kwihlathi lase-Amalinda.

Iinjongo ibikukwazisa uluntu ngento ekufuneka ixeliwe ukuze kuthintelwe ukuxhatshazwa okukhokelela ekubulaweni kwamanina.

Inkumanda yesikhululo samapolisa aseCambridge uBrigadier Mdlankomo uthi balunike inkxaso usapho lukaSivenathi Ncunyana kwaye basancedisa olu sapho.

Wongeze ngelithi, iphulo lokwazisa uluntu lelinye lamaqhinga abawasebenzisayo ukulwa ulwaphulo-mthetho nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Eyona ngxaki ixhaphakileyo iSAPS kukuba abantu abazixeli iziganeko ezinje.

Uphuhliso loluntu lucebise uluntu ukuba luxele uxhatshazo egameni lexhoba ukunqanda ukuthetha emva kokwenzeka kwesehlo, kwaye bagcine abo bantu baxelayo kungaziwa ukubakhusela.

I-SANCA ithi ukuzikhwebula kwiziyobisi ezingekho mthethweni ngundoqo wokuphepha ukusetyenziswa kweziyobisi okukhokelela kubundlobongela

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA