Kudutyulwe kwabulawa uceba wakwaZakhele phezolo ngomhla we 13 February 2022, waze umkhweli wakhe owasetyhini wafumana inxeba lokudutyulwa emlenzeni lenyewe yenzeka beqhuba kwisitalato iTshawuka ekwaZakele.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yeshumi elinanye ngalo mhl ukhankanyiweyo, uMzwandile Booi kunye nabakhweli abathathu(3) (abasetyhini ababini kunye nendoda enye) bebehamba ngesithuthi sakhe ngethuba umrhanelwa ongaziwayo onxibe ibalaclava edubula kwisithuthi kwicala lomqhubi.
UBooi ufumene amanxeba amaninzi okudutyulwa waze wabhubha kwindawo yexhwayelo, abakhweli ababini ababehleli ngasemva (indoda nebhinqa) khange bafumane monzakalo iminyaka yawo onke amaxhoba ayikaqinisekiswa.
Okanti oyena nobangela wokudutyulwa kwamaxhoba ayikaziwa okwangoku, kwaye ityala lokubulala kwanelokuzama ukubulala lisaphandwa licandelo lophando lwephondo (Gqeberha)

