Abecuphi baseMount Fletcher babambe igatyana lomfana oneminyaka elishumi elinesibhozo(18) ubudala kwiiyure nje ezimbalwa, emva kokubulawa kwamalungu amabini osapho olunye.
Ngokwengxelo evela kwicandelo labakwaNtsasana, kuvakala ukuba emva kwentsimbi yesibini emini(14:00) umhla we-9 kweyoMdumba ka-2022, amalungu esipolisa eMount Fletcher asabele kwikhwelo elibabiza kwindawo yexhwayelo apho bekukho izidumbu ezimbini zabasetyhini nezifunyanwe zibulewe kwikhaya eliseJojweni.
Kutyholwa ukuba ummangali wothuswe ngumbono wezihlobo nezalamane zakhe zibhubhile emva kokuba ebemke kwikhaya lakhe esingise edolophini ekuseni.
Umfikazi Ongama linguSandiswa Dasheka(19) ebengumtshana kummangali nothe wafunyanwa ephambi komnyango egcwele igazi enamanxeba amaninzi emzimbeni. Ixhoba lesibini, uNomaza Mevani yena ufunynwe elele emva kwendlu naye egcwele igazi enamanxeba amaninzi kumzimba wakhe ongentla kwaye ebeyinkosikazi yommangali.
Kuthe kusenjalo kwafumaniseka ukuba iiselfowuni zabangasekhoyo bobabini zibiwe. Emva kophando olunzulu ngabacuphi, umntwana oneminyaka eli-18 ubudala uye wabanjwa kwaye izinto ebezibiwe zafunyanwa kuye kunye neminye imiboniso.
Uphando lusaqhuba okwangoku.
Umkomishinala weSithili oBambeleyo uBrigadier Rudolph Adolph uncome abecuphi ngesenzo esikhawulezileyo nokubanjwa ngempumelelo komrhanelwa.