I-ActionSA igxeka amanani aphezulu abakhwetha ababhubhileyo ngexesha lolwaluko eMpuma Koloni

I-ActionSA yaseMpuma Koloni imemelele ngakumbi intsebenziswano ukuze kwandiswe ukhuseleko kumakhwenkwe olukayo. Oku kulandela ukubhubha kwabakhwetha abangamashumi amathathu anesine ngexesha lolwaluko lasehlotyeni kweli phondo.

Umbutho ukholelwa ukuba inani eliphezulu lokufa libangelwe kukungaphumeleli okuhlangeneyo kwabadlala indima. Isithethi sombutho ephondweni, uLuzuko Gedze, uthi akwamkelekanga oku.

“Kubalulekile ukuqaphela imimandla enempumelelo apho amanyathelo olawulo angqongqo akhoyo egxininisa indima yoluntu kunye namagcisa aqeqeshiweyo. Ukukhokelela kwixesha lolwaluko lasehlotyeni, iActionSA ihlabe ikhwelo ku”Mababuye bephila” ngokwazisa kunye nothethathethwano. Sihlaba ikhwelo kwisebe lezempilo ukuba liqinisekise ukuba ixesha elishiyekileyo lokwaluka ngoku, lenza iinzame zokuba babuye ngokukhuselekileyo kwabakhwetha bethu kweli xesha lishiyekileyo”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA