12.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

I-AfriForum yenza isibhambathiso sokuthatha amanyathelo asemthethweni ukuba iNersa iyakuvuma ukonyuswa komrhumo wombane we-Eskom ngama-36%.

Umanejala wemicimbi yoorhulumente basemakhaya kwi-AfriForum uMorné Mostert uthe umbutho wamalungelo oluntu uzakuthatha inxaxheba kwiindibano zothethwano noluntu ukunqanda isindululo sikaEskom.

“I-AfriForum ibithatha inxaxheba kwezi nkqubo zokurhafisa kule minyaka isibhozo idlulileyo kwaye siza kuqhubeka nokuthatha inxaxheba ukuqinisekisa ukuba icandelo lezamandla liyahambelana nenkqubo-sikhokelo yomthetho,” utshilo uMostert.

Uthi abayi kuvumela u-Eskom okanye iNersa ukuba inyathele abasebenzisi bombane ngokunyuswa kwamaxabiso ngendlela engafanelekanga kwaye baza kuhlala bethatha inxaxheba kwinkqubo yokuqinisekisa ukuba kuthathwa amanyathelo ahambelana nomdla wabathengi.

“I-AfriForum ibonakalise kwixa elidlulileyo ukuba ayizukukunyamezela ukunyuswa kwamaxabiso ombane ngendlela engafanelekanga, njengaleyo isandul’ ukuphunyezwa ngoomasipala abaninzi emva kokuba yamkelwe yiNersa.”

UMostert ubongoze iNersa ukuba ifezekise izithembiso zayo kwaye yenze uvavanyo olucokisekileyo ukuze ifumanise ukuba zeziphi iindawo zesicelo sesigebenga esinokungabandakanywa okanye sigqithiselwe kumthengi.

NgoMvulo, iNersa iqinisekise ukuba isifumene isicelo sika-Eskom sonyaka-mali phakathi kuka-2025 no-2028. Umlawuli wezamandla ukwabhengeze uthethwano noluntu xa isicelo senziwe esidlangalaleni.

“Isicelo sikaEskom siza kuqwalaselwa emva kwazo zonke iinkqubo ezifunekayo, ezibandakanya uvavanyo lokuthobela imigaqo. Ukuba isicelo sithathwa njengethobelayo, siya kuqhutyelwa phambili ngokwemigaqo yoMthetho weSizwe woLawulo lwaMandla. Esi sicelo siza kupapashwa ukuze bavakalise izimvo zabo kunye nokubonisana noluntu nto leyo egxininisa ukungafihli kunye nentatho-nxaxheba yoluntu.”

Umlawuli wamandla uthe uya kuqwalasela zonke iziphakamiso kunye nezimvo ngaphambi kokuba enze isigqibo.

“Abathathi-nxaxheba bayakhuthazwa ukuba basebenzise eli thuba bangenise izimvo zabo kwaye baveze iinyani ezifanelekileyo nobungqina kumlawuli wezamandla.

“Isicwangciso kunye namaxesha okuqwalaselwa kwesicelo sika-Eskom siza kwaziswa emva kwesaziso somlawuli ngokuthotyelwa kwesicelo. I-Nersa izibophelele ekuqinisekiseni ukuba zonke iinkqubo zolawulo, kuquka nentatho-nxaxheba yoluntu, ziqhutywa ngokungafihlisiyo, ngokungenamkhethe nangobandakanyo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
95 %
1.3kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
16 °
Sun
14 °
Mon
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks