Amakhosikazi e-SAPS ekunye namanye amagosa ogcino-mthetho ekhokelwa nguSekela Mkomishinala wePhondo uMajor General Thandiswa Kupiso baqalise umsebenzi wobupolisa ngeenjongo zokunqanda ulwaphulo-mthetho kwisithili saseOR Tambo izolo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha 2024.
UMajor General Kupiso, ekunye neqela lakhe, babonakalise ubukroti nokuzinikela ngokuvala iindlela kuhola wendlela uN2 phantsi kwendawo yamapolisa yaseBityi. Onke amagosa ogcino-mthetho aqinise ujikelezo olubonakalayo, kuquka ukujikeleza ngeenyawo, ukumisa nokukhangela kunye nokuhlola ukuthotyelwa kweendawo ezithengisa utywala.
Ngelixesha lamaphulo ohlukeneyo amapolisa abambe abarhanelwa abangaphaya kwamashumi amahlanu (50). Ukubanjwa kwabophuli mthetho kuquka:
Amashumi amahlanu nantlanu (55) yabaphambukeli abangekho mthethweni
Ukufunyanwa neziyobisi.
Ukuba nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe.
Ukuthengisa utywala ngaphandle kwelayisensi.
Izohlwayo zendlela ezixabisa R46 100.00
Kohluthwa nemipu koonogada abangenaphepha-mvume yokuba nemipu, kwafunyanwa umpu neembumbulu ngamapolisa. Njengenxalenye yeqhinga lokuthintela ulwaphulo-mthetho, amapolisa athimba izixhobo eziyingozi ezithe zafunyanwa ngexesha lokumisa nogqogqo.
Amapolisa akwafumene iiMuffins zentsangu ezingamashumi amane anesibini (42) kunye nepakethi enye yentsangu. Izithuthi ezibini ezathi zasetyenziswa ukwenza ulwaphulo-mthetho nazo zathathwa ukuze kuphandwe.
Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise umbulelo wakhe kumsebenzi omhle owenziwe ngawo onke amagosa ogcino-mthetho kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho kunye nokuthathwa kwezixhobo eziyingozi.
“Imisebenzi eyahlukeneyo ibonisa ukuba ukusebenza ngenjongo enye kuya kuqinisekisa ukhuseleko lwabemi bethu kunye nendawo ekhululekileyo yolwaphulo-mthetho,” uvale ngelo.