Umasipala wesithili saseAlfred Nzo eMpuma Koloni uthi ufuna imali engangebhiliyoni ezingamashumi amabini eerandi ukuze kuqaliswe iinkonzo zamanzi nogutyulo.
Ukufikelela kumanzi acocekileyo ngomnye wemingeni ejongene noluntu lwasemaphandleni olungathathi ntweni. Kungoku nje lo masipala uthi uchitha izigidi ezingamashumi amabini anesine zeerandi ukubonelela ngamanzi kuluntu oluchaphazelekileyo.
Izithuthi zithengiwe ukuba zise amagosa kwimingxuma yamanzi ukuze zikwazi ukubeka esweni inkqubela phambili ngalo lonke ixesha.
Umhlali uNokhaya Gxamthwana uthi urhulumente kufuneka enze nangakumbi.
“Asinazo iimpompo eziphuma amanzi, kodwa sineempompo ezomileyo ezingenamanzi. Baafakela ezi mpompo kwiminyaka eyadlulayo kwaye kwathatha unyaka kuphela, ezimpompo zoma nko”.
“Sekuyiminyaka emithathu ngoku kungekho manzi. Into abayenzileyo emva koko basiphathela amatanki amanzi kodwa sithetha nje nala matanki awanamanzi. Amanzi yingxaki enkulu.”

