Amapolisa eMpuma Koloni aphanda ukubhubha kwenkwenkwe eneminyaka emithathu (3) ubudala ewele kwindlu yangasese yomgodi kwiCreche yaseMdantsane eMonti.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu, uthi esi sehlo senzeke eN.U 6 ngoLwesine umhla weshumi elinesibhozo (18) kuTshazimpuzi.
“Umntwana usiwe esibhedlele saseCecilia Makhiwane ze wadluliselwa eFrere apho abhubhele khona ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba. Lo mcimbi uxelwe emapoliseni emva kokubhubha komntwana” utshilo.
UNaidu uthe kuvulwe idokethi yophando.
Kusenjalo, amatshantliziyo eKhula Community Development Project atyelele olu sapho lusentlungwini ngoMgqibelo. Isithethi, uPetrus Majola, uthe usapho lufikelele kuye. Ukwathe akukacaci ukuba le Creche, ingenandlu yangasese egungxulwayo iphantsi kweliphi na isebe likarhulumente okanye yeyabucala.
Ukanti abahlali balommandla benze isankxwe emva kwesisiganeko besithi masivalwe esisikolo logama kusenziwa uphando. Bekwangqinelana ngelithi abanasiqiniseko sokuba isiganeko esikumila kunje asizophinda senzeke kwesisikolo.

