I-African National Congress (ANC) ngokuqinisekileyo iza kuphulukana nesininzi sayo kwiNdlu yoWiso-Mthetho, idale ithemba leengxoxo ezininzi kunye nezivumelwano eziza kuqhubeka kwezi ntsuku zimbalwa zizayo.
Ngokungaphezulu nje kwe-48% yeevoti ezibaliweyo, iCouncil for Scientific and Industrial Research (CSIR) iqikelela ukuba iANC izakuba nezihlalo ezilikhulu elinamashumi amathandathu ananye (161) kwiNdlu yoWiso-mthetho, ukusuka kumakhulu amabini namashumi amathathu (230) ngo-2019.
IDemocratic Alliance (DA) kuqikelelwa ukuba iza kuhlala izinzile, ngamashumi asiBhozo anesiXhenxe (87) xa kuthelekiswa namaShumi asibhozo anesine (84) eminyaka emihlanu (5) eyadlulayo.
I-algorithm ye-CSIR icebisa ukuba iMK iya kuba nezihlalo ezingamaShumi amaslanu anesixhenxe (57), kunye ne-EFF ngamashumi amathathu anesibhozo (38), ukwehla ngezihlalo ezintandathu (6) phantsi kunyulo lokugqibela.
Amaqela amatsha anokuba nesihlalo esinye okanye ezibini lilinye, kuquka iPatriotic Alliance, iActionSA, iBOSA, iRise Mzansi kunye neNational Coloured Convention kunye neUnited Africans Transformation.
Ulonyulo luka-2024 lubangwa njengolona lubalulekileyo ukususela kucalucalulo.
By Anita Qubula.

