UMqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ulibhengezile iqela elililo elinabafana abangamashumi amabini anesithathu(23). Eli qela lizakudlala imidlalo emibini (2) yokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ngo2026.
IBafana Bafana izakuqubisana neeSuper Eagles zaseNigeria ekuhambeni eNigeria kumabala iGodswill Akpabio eUyo ngomhla wesixhenxe (7) kweyeSilimela ukuyotsho kwinyanga ezayo ngentsimbi yethoba (21h00) ebusuku. Omnye umdlalo bazakuthathana neeWarrious yaseZimbabwe kweli loMzantsi Afrika kumabala iFree State eBloemfontein ngomhla weshumi elinanye (11) kwinyanga ezayo yeSilimela ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe (19h30).
Kuqala uBroos ebekhethe abadlali abangamashumi amathathu anesithandathu (36), nalapho ebebize abadlali okokuqala abafana noRelebohile Mofokeng, uDevin Titus, uThabo Moloisana kodwa mnye kuphela olenzileyo ixesha kubo.
ULyle Foster ongumdlali wangaphambili weBurnley nesele yehliselwe kwiEPL, ubuyele kweliqela emva kokunqaba ngexesha lendebe yaseAfrika eIvory Coast. Abalandeli abaninzi eMzantsi ibakhubekisile into yokubuyela kwakhe emva kokungayi kwindebe yaseAfrika bengasiboni isizathu, kodwa nangona kunjalo uBroos uzamile ukuyibeka eyicacasa into yokumxolela kwakhe.
Iqela leBafana Bafana lihleli kwindawo yesibini (2) kuGroup C emva kwemidlalo emibini (2) apho yabetha iBenin ngamanqaku amabini kwelinye (2-1), yabethwa yiRwanda ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) ekuhambeni. Bathathu (3) abagcini zipali abakhethiweyo, nguRonwen Williams weSundowns, uVeli Mothwa waMazulu noRicardo Goss weSupersport United.
Abadlali bangasemva abachongiweyo nguMothobi Mvala noGrant Kekana beSundowns, Thapelo Morena noNkosinathi Sibisi bePirates , Khuliso Mudau noAubrey Modiba beSundowns, Siyabonga Ngezana weFCSB eRomania noSydney Mobbie weSekhukhune United.
Abadlali abakhethwe ukudlala esuswini nguJayden Adam weStellenbosch FC, Bathusi Aubaas, uSphephelo Sithole noTeboho Mokoena weSundowns.
Abadlali ekuzakuthenjelwa kubo ekufakeni amanqaku nguElias Makwena, uLyle Foster weBurnley, uRelebohile Mofokeng wePirates, uThemba Zwane weSundowns, uPercy Tau weAl Ahly, ibe nguOswin Appollis wePolokwana City, uPatrick Masangwanyi wePirates, noIqraam Rayners weStellenbosch FC.
By Siphiwo Boqwana

