Iphiko aamanina kumbutho we-African National Congress (ANCWL) eMpuma Koloni uvakalisa ukungoneliseki okumandla ngokugwetywa kwabanini bendawo yokucima ukoma e-Enyobeni.
Kwisigqibo senkundla yangoLwesihlanu umhla we-23 kweyoMdumba 2024, abanini, uVuyokazi kunye noSiyakhangela Ndevu, bahlawuliswe i-R5,000 umntu ngamnye okanye bavalelwe iintsuku ezilikhulu emva kokuthengisela abantwana (abancinci) utywala ngokungekho mthethweni.
I-ANCWL eMpuma Koloni ithi iyayivuma kwaye iyayihlonipha inkqubo yenkundla yoMzantsi Afrika kunye neenkundla zomthetho, kodwa ivakalise ukungoneliseki ngesiphumo seli tyala. Eliphiko lithi xa liqwalasela isehlo esibi saseNyobeni, saadala ukubhubha kwabantu abatsha abangamashumi amabini ananye.
Ngelixa ihlonipha inkqubo yomthetho, i-ANCWL yaseMpuma Koloni ikholelwa ngokungagungqiyo ukuba isigwebo siyasilela ekubeni sithintele izehlo ezikumila kunje. I-ANCWL ithi ibona esi sigwebo njengesinganelanga, nesoyisakele ukubonisa ubunzulu bale ntlekele noxanduva olukubanikazi beziko.
Ikwathi kwingxelo yayo i ANCWL imi kumanyano olungagungqiyo kunye neentsapho ezichaphazelekayo, ezithe gqolo ukusokola kukuphulukana nezihlobo zazo. “Yimbono yethu esele iqwalaselwe ukuba ukusilela kwenkundla ukunyanzela esisibini ukuba sithwale uxanduva olupheleleyo ngeziganeko ezikhokelele kule ntlekele kusikhathaza kakhulu.
I-ANCWL igxininisa ukuba ubulungisa akufunekanga bube bumfama nje kuphela kodwa buzimisele ekubekeni uxanduva umntu ngamnye ngezenzo zakhe, ngakumbi xa zikhokelela kwiziphumo ezibi.
Ulindelo lwethu kukuba iinkundla zithathele ingqalelo ifuthe kwiintsapho ezichaphazelekayo nakuluntu ngokubanzi xa kuchongwa izigwebo kumatyala alolu hlobo.”itshilo.
” Njenge-ANCWL, sizibophelele ekuxhaseni iintsapho ezichaphazelekayo kwaye simela ubulungisa obubonisa ubunzulu bale meko. Sihlaba ikhwelo kwabasemagunyeni abafanelekileyo ukuba basivavanye kwakhona isigwebo kwaye baqinisekise ukuba ubulungisa abukho nje kuphela kodwa bubonwa bufezekiswa.”ivale ngelitshoyo ingxelo yeliphiko