19.2 C
King William's Town
Saturday, April 13, 2024

Libe yimpumelelo ugqogqo lamapolisa ajongene nemfuyo eMpuma Koloni

Inkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika ikhuphe ingxelo etyholwa ukuba ngoLwesine, umhla wama-20 kaFebruwari 2024 malunga ne-13: 30, amapolisa akuQumbu aqhube imisebenzi yabo yemihla ngemihla xa edibana namadoda amathathu akhwele amahashe, eqhuba iibhokwe izili 16.

Lamadoda athe asokubona abakwantsasana, acela kwabanentsentse eshiya ngasemva iibhokhwe ezo.

Lemfuyo sithetha nje, iselugcinweni lamapolisa kwaye kuqikelelwa ukuba ixabisa imali engange -R3200.

Kwakhona, ngoLwesithathu, umhla we-23 kaFebruwari 2024, amapolisa akuTsolo kwicandelo i-Tsolo Stock Theft kunye kunye ne Endangered Species Unit benze ugqogqo lwemfuyo kwilali yase Qebeyi ze afumana iinkomo ezisixhenxe, ezixabisa malunga nama R70 000 ezifunyenwe ziyabula.. Sithetha nje ezinkomo ziselugcinweni lamapolisa kumasipala wakuTsolo.

Ukanti wesinye isiganeko esingadibananga nsi, kwilali yase Qanda kuthathwe ngamapolisa iinkomo ezili 11 ezinexabiso eliyi R110 000. Amapolisa athe abamba umrhanelwa oneminyaka engama-33 ubudala emva kokufumana ulwazi lokuba uyabandakanyeka elugcinweni leenkomo ezabiwa e-kumatyotyombe ase Azania. Iinkomo ezintlanu, ezixabisa i-R50 000 zahluthwa emva kokuba engakwazanganga ukuvelisa amaxwebhu nobungqina bokuba lemfuyo yeyakhe.

Kwelinye icala, kwilali yakwa-Nontysashe kwindawo, kufunyenwe iigusha ezingama-23 ezixabisa i-R46 000 emva kokuba kokubiwe kwazo ebhuhlanti ebusuku kwaye imfuyo ibuyiselwe kumniniyo. Zingama-85 iigusha ezithe zebiwa ngelixesha. Zingama-57 zizonke iigusha ezingekafumaneki kwesisehlo.

Ukanti umrhanelwa oseluvalelweni, oneminyaka engama-33 ubudala uya kuvela kwinkundla kamantyi kuTsolo kungekudala. Ngelixa amapolisa akuQumbu ajongane nemfuyo ebongoza ukuba, nabani na olahlekelwe yimfuyo, andwendwele kwisikhululo samapolisa akuQumbu

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
3.7kmh
17 %
Sat
18 °
Sun
24 °
Mon
22 °
Tue
27 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks