I-Arhente yoPhuhliso kwiSithili sase-Alfred Nzo iyaqhubeka nephulo layo lokunikezela ngeShedi yokucheba iigusha.

By Esona Magawana.

Namhlanje, i-Arhente yoPhuhliso yase-Alfred Nzo (ANDA) ekhokelwa nguSihlalo uNksz Ntombi Mabude kunye neGosa eliyiNtloko (CEO) uLumko Mtimde, banikezele ngokusesikweni ishedi yokucheba iigusha kwiNkqubela Shearing Shed Pty Ltd kwilali iPiphany, phantsi koMasipala weNgingqi kaWadi 22, eMatatiele.

Unikezelo lulandela inkxaso yangaphambili evela kwi-ANDA, ebandakanya ukubonelela ngeebhali, iitafile zokuhlela, izicinezeli zoboya, iikekeyi kunye nezikere zeegusha. Emva kokunikezelwa kwezixhobo, i-ANDA ichonge imfuno yesakhiwo esizinikeleyo apho amafama anokusebenza ngokufanelekileyo kwaye kwindawo ekhuselekileyo ecocekileyo.

Le projekthi yaqala ngo-2023 kwaye ixhamlisa amalungu angamashumi amathathu anesithathu (33) e-INkqubela Shearing Shed Association, enamalungu abasetyhini alishumi elinesihlanu (15), amalungu angamadoda alishumi elinesibhozo (18), abantu abakhubazekileyo kunye nolutsha. Amalungu abhengeze iigusha eziliwaka elinamakhulu amane aneshumi (1410) kwintlanganisela yoMbutho.

Esenza intetho ephambili, uSodolophu weSithili saseAlfred Nzo uCeba Vukile Mhlelembana ugxininise ukubaluleka kotyalo-mali kwiziseko zophuhliso lwezolimo ezilalini watsho ekhuthaza uluntu ukuba balikhathalele eli ziko.

“Olu lwakhiwo lwakhiwe ngeenjongo zokubuyisela isidima samafama asemaphandleni nokwakha uqoqosho lwezolimo oluzinzileyo, ngale Shedi sixhobisa iShedi yokuchebela yaseNkqubela ukuze isebenze kakuhle kwaye ifikelele kwiimarike ezingcono” utshilo uCeba Mhlelembana.

Umnu. Mbutho ofumene uncedo ulithakazelele eli nyathelo: “sinombulelo kwi-Arhente yoPhuhliso yase-Alfred Nzo ngokusibonelela ngesi sakhiwo, esi sakhiwo asizukuphucula iimeko zethu zokusebenza kuphela kodwa siza kusinceda sivelise uboya obukumgangatho ophezulu,” utshilo uDumisani Mbutho uSihlalo weShearing Shed yaseNkqubela.

Unikezelo beluzinyaswe nguSihlalo weBhodi ye-ANDA, ooCeba baseAlfred Nzo, ooCeba kumasipala waseMatatiele, iECRDA, iNkokheli yeMveli, iBKB Oxfam namanye amasebe ecandelo lezolimo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA