By Lilitha Phenduka.
IPhondo leMpuma Kapa lelinye lamaphondo atsala nzima ngenxa yobusela beemitha zamanzi nto leyo echaphazela uluntu kungqongophalo lwamanzi kwaye nomasipala uchaphazelaka kanobom.
UMasipala waseBuffalo City uthi kutsha nje amagosa eberekhoda kwaye eqwalasela ukonyuka kwemitha zamanzi ezibiweyo kule ndawo.
Iindawo zolwaphulo-mthetho zinqumla kumasipala ombaxa ukusuka kwidolophu yaseMonti ukuya kutsho eScenery Park, eParkside, eDuncan Village nase-Arcadia.
Umasipala uthi uyayazi into yokuba kukho ubudlelwane obunzulu obuthe ngqo phakathi kwamasela eemitha zamanzi kunye nabarhwebi beentsimbi ezilahliweyo nanjengoko le yenye yeendlela amasela athengisa ngazo ubhedu kwaye ngenxa yoko, bahlaba ikhwelo kula mashishini ukuba ajike axele abantu abathengisa izixhobo zika masipala ngaphandle kwamaphepha.
Umasipala ugqibe ekwenzeni ungqonggqo namhlanje eMdantsane kubathengisi beentsimbi.
I-Amatola ibambisene neSebe laManzi noGutyulo, uMasipala weSithili i-Amathole kunye noMasipala waseRaymond Mhlaba baphakathi kwabachaphazelekayo abamenywe eDikeni.
Eli phulo lidibanise abafundi bezikolo ezahlukeneyo kunye namalungu oLuntu lwaseDikeni apho bebefundiswa ngemiba ephathelele kulondolozo lwendalo nokulondolozwa kwamanzi.
Ikwabethelele ukubaluleka kokucoceka nokulondolozwa kwendalo esingqongileyo, kwakunye nendlela yokulwa nokukhusela iziseko ezingundoqo nezixhobo zika rhulumente ngokuchasene nokonakaliswa, ukubiwa kweentambo kunye nokungcoliseka kwamanzi, ukuze kuqinisekiswe ukunikezelwa kwamanzi akhuselekileyo nacocekileyo.
Kwezinye iingxelo, amasela azenza amagosa kamasipala wamanzi ukuze afikelele kwimihlaba apho aqhatha abahlali, ngoko umasipala ombaxa ukhuthaza abahlali ukuba balumke kwaye bavumele kuphela abatywini bakamasipala, abasebenzisa izithuthi ezinophawu kunye neyunifomu yokuzazisa, ukuba bangene eziyadini zabo.
Urhulumente uhlaba ikhwelo kuluntu olusebenzisa iimpompo ezi zimeleyo nezoluntu ukuba luphaphe xa abantu bedlala ngeempompo kuba lomngeni wokonakaliswa kweemitha unegalelo ekungqongophaleni konikezelo lwamanzi ezindlini kunjalo isixeko sikwalahlekelwa ngamawaka eelitha zamanzi ayimfuneko ngenxa yoku.

