By Lilitha Phenduka.
Ukuthathela ingqalelo imingeni abajongene nayo abaxhamli, amakhadi azokuqhubekeka ukusebenze de kufike ixesha elimiselweyo.
UMphathi weSigqeba sikaSASSA kuMmandla weMpuma Kapa (REM) uMnumzana Bandile Maqetuka uzimanye noMphathiswa weSebe lophuhliso loluntu kwindibano yokwazisa noonondaba kwiseshoni yothethathethwano nabachaphazelekayo eqhubekayo, eGqeberha.
Ngokwe-Arhente yokhuseleko lwezentlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) ikuqinisekisile ukuzibophelela kwayo ekuxhaseni ibhanki yaseposini ekuqinisekiseni ukuba abaxhamli besibonelelo sezentlalo banakho ukutshintshela ngaphandle komthungo ukusuka kwikhadi legolide lakwa-SASSA ukuya kwikhadi lebhanki yePosi emnyama.
Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uNokuzola Tolashe, ekunye namalungu ebhunga lesigqeba wophuhliso loluntu kwilizwe liphela, bathembise ngenkxaso yabo epheleleyo ukujongana nemingeni, nokukhusela isidima sabaxhamli.
Urhulumente uye wawandisa umhla wokugqibela wokutshintshwa kwamakhadi ukusuka ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMdumba ukuya kumashumi amabini (20) kweyoKwindla 2025.
Intloko yakwa-SASSA eMpuma Kapa, uBandile Maqetuka uthi kwi-413 000 yabantu abaxhamla kwa SASSA kweli phondo, bangamashumi amane anesihlanu amawaka kuphela abathe bafudukela kumakhadi (45000).
UMaqetuka ukwakhumbuze abaxhamli bakwaSassa ukuba iintlawulo zenkamnkam ziyakuqhuba njengesiqhelo, nasemva komhla obekiweyo. Nangona kunjalo, abo bebengekatshintshi amakhadi abo ngelo xesha, kuya kufuneka batyelele isebe leposi ekufutshane nabo ukuze bafumane iimali zabo.
Kusenjalo ilungu lebhunga lesigqeba lophuhliso loluntu uBukiwe Fanta ubalule eminye yemicelimngeni elijongene nayo isebe lakhe kunye nendlela eliyilungisa ngayo lemiba. Kwaye ukwathe isebe lakhe lisebenza nzima ukujongana nabantwana abangondlekanga kunye nentlupheko kweli lizwe kwaye liza kuqinisekisa ukuba abantwana bayazifumana izibonelelo zabo zenkxaso-mali yakwa SASSA.

