13.8 C
King William's Town
Wednesday, November 13, 2024

I-Bhisho kulindeleke ukuba inikele kwisikolo saseMthatha esinezidingo ezizodwa ngezigidi zeerandi

Isikolo sabafundi abakhubazekileyo, Ikhwezi Lokusa, ekugqibeleni sizakufumana iR11.2 yezigidi zeerandi yokulungisa iingxaki nenkangeleko yayo kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni.

Oku kuvele emva kweengxelo ezithe gqolo zamajelo eendaba malunga nemeko engentle kule hostele, apho abantwana balala phezu kweebhedi zezitena, behlamba ngamanzi abandayo, nezityholo zokuxhatshazwa ngabasebenzi.

Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni, uMalibongwe Mtima, uthi kwiveki ephelileyo kuqeshwe ikontraka iMaliswana Trading kwaye sele iqalisile isigaba sokuqala salo msebenzi ngokudiliza iibhedi zezitena.

Uthi isigaba sesibini siza kubandakanya izindlu zangasese ezintsha, iibhedi zala maxesha, kunye nokubonelela ngeejenereyitha zokunqanda ukucima umbane.

“Le yiprojekthi yeenyanga ezine, kuza kutshintshwa umgangatho wesikolo, iifestile ezaphukileyo, iingcango ezonakeleyo, kuphuculwe inkqubo yogutyulo nokupeyintwa iindonga zangaphakathi kuzo zombini iihostele,” utshilo uMtima.

Uthe ngenxa yomsebenzi oqhubekayo ngoku, kulindeleke ukuba ikhalenda yezifundo zezikolo iqale ngoFebruwari ukuze ikwazi ukumelana nezi zigaba zozibini zohlaziyo.

Eli nyathelo lokulungiswa kwalo liza emva kokuba iSebe leMfundo liqinisekisile ukuba esi sikolo siwohlokayo eMthatha sesabucala kwaye bayarenta.

IBhunga leSizwe laBantu abaKhubazekileyo lityelele esi sikolo kwiveki ephelileyo laze lagrogrisa ngokusa isebe ezinkundleni zamatyala phakathi kwamabango axhaphakileyo okungahoywa nokuphathwa gadalala kwabafundi abakwi-189 abasemngciphekweni ubuncinane kwesi sikolo.

Umlawuli weNCPD kuzwelonke uTherina Wentzel uthe kubonakala ngathi isebe lirhuqa iinyawo ekushukuxeni izinto athe zichaphazela imiba yesikolo.

“Ekuphela kwento esiyivileyo [kwisebe lezemfundo] kukuba bazakwenza uphando – kodwa oko bekusenzeka kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo,” uWentzel uxelele abeendaba kudliwanondlebe lwangaphambili.

“Besisazi iminyaka emininzi ngesikolo Ikhwezi Lokusa,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
85 %
2.2kmh
100 %
Wed
14 °
Thu
20 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks