UGogo waseMthatha ubanjelwe ubuqhophololo beRAF

Ixhegwazana elinamashumi asibhozo anesibini (82) leminyaka laseMthatha libanjiwe ngezityholo zobuqhetseba obubandakanya iRoad Accident Fund (RAF).

Isithethi sebutho looKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi uMavis Ganyaza uvele phambi kwenkundla yamatyala eMthatha eSpecialised Commercial Crimes ngoLwesithathu nalapho akhululwe khona ngesilumkiso.

Uthi ngomhla wama-22 kuJanuwari ka-2020, ilungu losapho lakwaGanyaza labandakanyeka kwingozi yebhasi encinci, lonzakala kakhulu.

UWarrant Officer Mhlakuvana uthi ixhoba laya kumagqwetha eMthatha ukuze lifake ibango kwaRAF egameni lalo.

Uthi ngoDisemba ka-2021, wenza imibuzo malunga nebango lakhe waza waxelelwa ngamagqwetha akhe ukuba imali sele ifakiwe kwiakhawunti yebhanki.

Ixhoba labika lo mba kooKhetshe nanjengoko lingayazi ingxelo.

U Mhlakuvana uthi uphando emva koko lwadiza ukuba imbuyekezo yeR255 000 yafakwa kwiakhawunti kaGanyaza.

Uthi uphando luqhube lwaveza ukuba uGanyaza ungenise amaxwebhu kumagqwetha ezenza abamangali abafanelekileyo.

Logogo oneminyaka engama-82 ubudala kufuneka abuyele enkundleni ngomhla wama-29 kaJanuwari 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA