I-Carried & Covered Foundation izakubamba uMboniso wesibini woNyaka wamaKhondo, eMonti.

Umbutho ongenzi ngeniso umema abathathi-nxaxheba ekhuthazeni nasekukhokeleni abafundi beBanga le-9 kwisikolo samabanga aphakamileyo iMajombozi ngoMeyi 9, 2025.

I-Carried & Covered Foundation, umbutho ongajonganga ngeniso ozibophelele ekuxhobiseni abafundi abasebatsha ngenkxaso yemfundo kunye nokukhokelwa ngamakhondo omsebenzi, iza kubamba uMboniso wawo weSibini woNyaka weNgcebiso ngamaKhondo oMsebenzi namhlanje umhla wethoba (09) kuMeyi, 2025, kwiSikolo samaBanga aPhakamileyo i-Ebenezer Majombozi, eMonti.

Injongo yalo msitho kukubhentsisa abafundi beBanga le-9—ingakumbi abo basuka kumakhaya ahlelelekileyo—kuluhlu olubanzi lwamathuba emisebenzi namakhondo emfundo. Eli phulo lenzelwe ukuxhobisa abafundi ngenkuthazo nolwazi abaludingayo ukuze benze izigqibo benolwazi ngekamva labo.

Umfanekiso: Abafundi beSikolo samaBanga aphakamileyo, i-Ebenezer Majombozi bemamele amalungu akwa-Carried & Covered Foundation becityiswa ngezakhono abanokuzilandela ngemfundo.

Abathathi-nxaxheba bayakhuthazwa ukuba bazibandakanye njengezithethi zeendwendwe, ababonisi, okanye abaxhasi.

“Ngokusebenzisana namaqabane azimiseleyo, sijolise ekuvuseleleni amabhongo kwaye sizakunikezela ngezixhobo ezinokusetyenziswa ngabafundi ukubumba ikamva labo.”

Esi siseko siyayamkela iminikelo ngeendlela ezahlukeneyo, ezinjengokunikela iintetho zomsebenzi, ukuseka imiboniso, ukubonelela ngenkxaso, okanye ukunikela ngezinto zokufunda.

Ngalo mzamo wentsebenziswano, i-Carried & Covered inethemba lokuvuselela umdla wokufunda nokucwangciswa kwamakhondo omsebenzi kulutsha lwaseMpuma Kapa nokwakha isizukulwana esixhotyiselwe ukuphumelela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA