By Asemahle Mbete.
IChildline South Africa ithe ixhalabile ngamanani aphezulu abantwana abakhulelwayo kweli lizwe. NgoLwesithathu, umhla wesithathu (03) kweyoMsintsi 2025, urhulumente wephondo leMpuma Koloni utyile ukuba bangaphaya kwekhulu abantwana abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwishumi elinesine abathe babeleka phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi ukuya kweyeKhala kulo nyaka.
Kwangelo xesha linye, bamalunga namawaka amahlanu (5000) abantu abaselula abaye babeleka. Amapolisa ephondo sele evule amatyala amaninzi kubantu abadala abatyholwa ngokumithisa abantwana.
Igosa eliphezulu le-Childline, uDumisile Cele, uthe le meko ixhaphake kakhulu kwilizwe liphela.
“Lamanani ayothusa, le yimeko ebesijongene nayo kule minyaka imbalwa idlulileyo, kwaye siyazikhuthaza ingcali zasekuhlaleni kuba olu lutsha ludlula ezandleni zezingcali ukuya kuxela imicimbi elolu hlobo. “

