By Nyameka Lamani
Urhulumente waseMpuma Koloni ububambe umsitho onamandla woluntu kuMasipala wasekuhlaleni iDr AB Xuma njengenxalenye yeentsuku ezilishumi elinesithandathu(16) zomanyano lokulwa ubudlobongela obusekwe kumanina nakubantwana ngomhla wamashumi amabini anesihlanu(25) kweNkanga ka 2025.
Le nkqubo ibizimaswe yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane nomphathiswa uBukiwe Fanta, amalungu ePalamente (MPLs), kunye nentloko yesebe lophuhliso loluntu umnumzana Machemba,ibikhokhelwe ngumphathiswa(MEC) uSibulele Ngongo kunye nosekela sodolophu wesithili saseChris Hani uNkosazana Noncedo September, kwaza amazwi okuvula anikelwa sisithethi sikaMasipala,uMandilakhe Kondile.Iinkokheli zihlabe ikhwelo kuluntu ukuba kusetyenzisanwe ukulwa ubudlobongela obusekelwe kwisini(GBVF) nokuba amanyathelo aqhubeke nangaphandle kweentsuku ezilishumi elinesithandathu(16).
Ukholoneli wenkonzo yamapolisa eMzantsi Afrika uNondumiso Simayile uveze amanani axhalabisayo abonisa ukuba ubundlobongela obusekwe kwisini nokubulawa kwabasetyhini(iGBVF) kuyanda kwisithili saseChris Hani nakwindawo yaseDr AB Xuma.Unobangela woluntuko ulwamayanise nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ubunzima kwezoqoqosho kunye neengxabano zamaqela. UKholoneli Simayile ukhuthaze abazali kunye noluntu ukuba bafundise abantwana imbeko, ukhuseleko, kunye nendlela yokuthintela nokuxela uhlaselo, esithi utshintsho kufuneka luqale emakhayeni nasezitalatweni zethu.
Usuku lubandakanye nemidaniso yesintu kunye nombongo ochukumisayo wembongi yasekuhlaleni, nto leyo ebonise indlela ubugcisa obunokuphilisa ngayo nokusasaza imiyalezo eqinileyo. USodolophu uSiyabulela Zangqa, uvale inkqubo ngesibongozo sentetho yombulelo kubo bonke amaqabane nabahlali. Ubalule ukuba uluntu maluqhubeke lumanyane,luthethe ngobundlobongela, kwaye luqhubeke nokusebenzisana ukwakha indawo ekhuselekileyo, enothando nechumayo eMpuma Koloni.

