UTrump uthi uMzantsi Afrika awuzukusifumana isimemo kwi-G20 ngo-2026 eFlorida

By Esona Magawana 

Umongameli wase-United States uDonald Trump uthe ngoLwesithathu, uMzantsi Afrika awuzukusifumana isimemo sokuthatha inxaxheba kwingqungquthela ye-G20 yonyaka ozayo eFlorida.

 

Iqela leenkokheli ezingamashumi amabini (20) lamkele isibhengezo ngoMgqibelo ukujongana nengxaki yemozulu kunye neminye imiceli-mngeni yehlabathi nangona i-US ikuchasa oku nto leyo ebangela ukuba i-White House ityhole uMzantsi Afrika ngokusebenzisa indima yayo njengosihlalo walo nyaka we-20 kwempembelelo yezopolitiko.

 

“Ekuqukunjelweni kwe-G20, uMzantsi Afrika walile ukunika uMongameli we-G20 kuMmeli oMkhulu ovela kwi-Ofisi yethu yase-US, ozimase uMnyhadala wokuVala,ngoko ke, ngokomyalelo wam, uMzantsi Afrika ngeke ufumane isimemo kwi-2026 G20, eza kusingathwa kwisiXeko esikhulu saseMiami, eFlorida kulo nyaka uzayo,” utshilo uTrump kwiqonga losasazo lwentlalo i-Truth on social

 

UTrump uye watyhola ngokuphindaphindiweyo ukuba urhulumente woMzantsi Afrika oMnyama utshutshisa iqaqobana labamhlophe, kwaye kwabakho ukubulawa kwamafama amhlophe kweli lizwe, amabango aye anyeliswa ngokubanzi.

 

I-Ofisi kaMongameli woMzantsi Afrika iziphendulele koku ngelithi oku kuyadanisa ngenxa yemizamo eqhubekayo yelizwe yokuphucula ubudlelwane bezozakuzo kunye ne-US.

 

Isithethi sikaMongameli uVincent Magwenya uthi, “UMzantsi Afrika uza kuqhubeka nokuthatha inxaxheba njengelungu elipheleleyo, elisebenzayo nelinesakhayo le-G20”. UMagwenya uthi, “Ilusizi into yokuba ngaphandle kweenzame  ezininzi zikaMongameli (Cyril) Ramaphosa kunye nolawulo lwakhe lokulungisa ubudlelwane bezozakuzo kunye ne-United States, uMongameli uTrump usaqhubekeka ukusebenzisa iindlela zokohlwaya uMzantsi Afrika ngokusekelwe kulwazi olungelulo kunye nokugqwethwa kwelizwe lethu.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA