Aqale kakubi amaqela amanina ngethuba bebethwa kwimidlalo yokuvula kwitumente yeCaf Women Champions ligi.

By Siphiwo Boqwana

Umqeqeshi wabakhuseli beNdebe yaseAfrika iCaf Women Champions ligi, uTshabalala weMamelodi Sundowns uvakalise ukuba iqela lakhe alizukuwu yekelela umxakatho kuba ithemba lisekhona lokungena kumandulela kamagqibela kankqoyi, lo mqeqeshi ukuthethe oku emva kokuba iqela lakhe libethwe kumdlalo wokuvula kaGroup B ngenqaku elinye eqandeni (1-0) nebeliyipenalti bebethwa yiFC Masar yaseEgypt.

ISundowns izakudlala umdlalo wayo kaGroup 2 ngomhla weshumi elinesithathu (13) kule imiyo inyanga ngoLwesithathu ukutsho oko ngomso nalapho izakuqubisana neCentral Bank yaseEthopia nebethwe yona ngamagqiyazana aseNigeria iEdu Queens ngamanqaku amathathu kwiqanda (3-0).

Lo mdlalo weBanyana Ba Style uqala ngentsimbi yesine (16h00) emva kwemini ngomso. Nelinye iqela lebhola ekhatywayo lamanina aseMzantsi iUWC libethiwe kumdlalo wokuvula ngethuba bebethwa yiTP Mazembe yase DRC ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0).

Yona iUniversity of Western Cape izakuqubisana neqela lamanina ebhola ekhatywayo aseSenegal iAigles de la Medina ngentsimbi yesine (16h00) emva kwemini namhlanje ngoLwesibini umhla weshumi elinesibini (12). Lana wona amaqela amanina adlala kuGroup A.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA