By Buhle Nomgalasa.
Kubhubhe abantu abalishumi elinesihlanu (15), abanye abahlanu bonzakala kwingozi yemoto ebibandakanya iteksi kunye neveni kuhola wendlela u-R63 phakathi kwe-Adelaide neMaqoma, ezinzulwini zobusuku ngoMgqibelo.
Umbutho we-Economic Freedom Fighters (EFF) umemelele urhulumente ukuba aqinise ukulungisa iindlela, andise nokuhlolwa kwabantu emva kwengozi yangoMgqibelo ezinzulwini zobusuku eyasuba imiphefumlo elishumi elinesihlanu eMpuma Kapa.
Abantu abalishumi elinesihlanu (15) babhubhile, ngelixa abanye abahlanu bonzakele kwingozi yemoto ebibandakanya iteksi kunye neveni kuhola wendlela u-R63 phakathi kwe-Adelaide neMaqoma, ebifudula iyi-Fort Beaufort. Kuyavakala ukuba iteksi ibisuka eQonce isiya eKapa ngethuba ingquzulana nale veni.
I-EFF ithe iimeko ezingcono zendlela, ukwanda kokubonakala kwamagosa ezendlela, kunye neenkqubo zokufundisa eziqhubekayo kubasebenzisi bendlela zibalulekile ukuze kuthotywe inani leengozi zendlela elizweni.
Isithethi se-EFF uThembi Msane uthe “umgangatho weendlela zethu uye wehla kwiindawo ezininzi. Ngoko ke loo nto iba yindawo enengozi enkulu enemingxuma kunye neebhulorho ezingakhuselekanga ngexesha lemvula enkulu. Iindlela ezininzi edolophini, iindlela ezininzi ezilalini azinazo izibane ezitalatweni. Ngoko ke kubonakala kuba nzima kakhulu.”

