Owayesakuba nguMphathi-Jikelele we-PSL nowayesakuba ngusompempe we-FIFA uAndile Ncobo kunye nenkosikazi yakhe uSalomie, bavele enkundleni yaseBellville ngoMvulo ngamatyala amathathu obuqhophololo kunye nokuxhaphaza imali.
IGunyabantu lezoTshutshiso lithe oku kunxulumene nomnikelo we-R15 yezigidi zeeprojekthi zolwakhiwo lwezikolo eMpuma Kapa ukusukela ngo-2008.
ISithethi se-NPA kwingingqi, u-Eric Ntabazalila, uthe urhulumente utyhola uNcobo nenkosikazi yakhe iqhinga lokufumana imali kwiPetroSA “ngendlela yobuqhophololo besenzela bona, amalungu osapho lwabo kunye/okanye nemibutho ababenomdla kuyo.”
Uthe i-PetroSA iqhube inkqubo yoTyalo-mali kwiNtlalo (CSI), enoxanduva lokulawula nokunikezela ngeminikelo yemali kwizikolo ezihlelelekileyo, kumaziko, okanye iinkqubo zolawulo lweentlekele.
UNtabazalila uthi ngo-2008, isikolo iGangatha Junior Secondary School eMpuma Kapa, safaka isicelo somnikelo wokwakha iziseko ezitsha eziquka amagumbi okufundela anezixhobo zokusebenza kwaye i-PetroSA yenza isivumelwano sokuba inike i-R13m ukuze kwakhiwe esi sikolo.
“Kwasekwa i-King’s Gangatha Building Trust, engabhaliswanga, ukuze iququzelele inkxaso-mali nokwakhiwa ngokutsha kwesi sikolo.
“UNcobo ebeyongamela kwaye elawula ulwakhiwo olwaqala ngoNovemba ka-2008 lwagqitywa ngoSeptemba ka-2009. Isikolo asizange simgunyazise ukuba abe ngummeli waso okanye simtyumbe njengomanejala weprojekthi yokongamela nokulawula ulwakhiwo,” utshilo uNtabazalila.
Uthe i-PetroSA yonyule ii-Quantity Surveyors ukuba zivavanye ixabiso leenkonzo ezinikezelwayo xa kuthe kwavela izityholo zobugwenxa kunye nobuqhophololo kwisebe le-CSI.
“Olu hlolo lubonise ukuba iimveliso ezisetyenzisiweyo, kunye neenkonzo ezinikezelwayo bezikumgangatho ophantsi kwaye azihambelani nesixa seminikelo eyenziweyo.
“Iindleko zifikelele kwi-R5.9m kubandakanywa ne-14% ye-Value Added Tax (Vat).
UNtabazalila uthi urhulumente utyhola ngelithi uNcobo uye waxoka kwiPetroSA ngethuba iKing’s Gangatha Building Trust kunye namanye amaxwebhu axhasayo angeniswa kwiiofisi zabo ukuze kungqinwe isicelo kunye nokuvunywa komnikelo.
IProjekthi yesikolo sesibini, neyango-2008, apho inkosikazi kaNcobo “yayingumntu woqhagamshelwano” nayo iye yaphononongwa nto leyo eyabangela ukuba i-PetroSA yenze uphando lwangaphakathi emva kokufumanisa ukuba utyalo-mali lwabo kwizikolo ezahlukeneyo kunye/okanye kumaziko apho abatyholwa babandakanyekayo khange ivelise iziphumo ebezilindelekile.
“Emva kwesicelo sebheyile esifutshane, uNcobo unikwe ibheyile ye-R50 000 waza yena uNkosikazi wakhe wanikwa ibheyile ye-R30 000. Ityala labo limiselwe umhla wama-29 kuMeyi 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando,” utshilo uNtabazalila.

