12.5 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

I-EFF iza ‘kulwela uCwecwe’ kwintshutshiso yabucala emva kokuba iNPA ilichithile ityala.

By Buhle Nomgalasa.

INkokeli yeEFF uJulius Malema izibophelele ngokuqhuba intshutshiso yabucala kwityala lokudlwengula “uCwecwe” oneminyaka esixhenxe (07) ubuncinci, intwazana yaseMatatiele ekutyholwa ukuba yaxhatshazwa ngokwesondo eBergview College ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo ka2024.

IGunyalabantu lezoTshutshiso (NPA) lirhoxisile eli tyala kule nyanga, likhankanya ubungqina obungonelanga, nokuvuse umsindo nezityholo zokusilela kwenkqubo ukulungisa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokuxhatshazwa kwabantwana.

Ethetha nabalandeli bakhe kwaWadi 16 eKwakwatsi eFreyistata ngeCawe, uMalema usigxekile isigqibo se-NPA kwaye wathembisa ngokufunela ubulungisa “uCwecwe”.

“Masikhusele abantwana bethu nabasetyhini, masiqinisekise ukuba uMzantsi Afrika ukhuselekile kubo,” utshilo.

UMalema, obedibene nosapho lukaCwecwe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo ukunika inkxaso, uthi iintshaba zixhasa ngemali amaqela ezopolitiko akhuphisanayo ukuze achithe i-EFF, esithi, “Ukuba i-EFF inokufa, amatyala afana neli likaCwecwe soze athathelwe ingqalelo”.

“Namhlanje bathathe isigqibo sokuba bangatshutshisi abantu abadlwengule uCwecwe, sizakuma nosapho siyokumangala kwinkundla yabucala kwaye siza kuqinisekisa ukuba uCwecwe ufumana olona nyango lusemgangathweni ukuze angaphinde abuyele kwimeko yentlungu athe wayifumana.”

Imeko kaCwecwe yavela xa abazali bakhe bebona ukuba kunzima ukuhamba, nto leyo eyakhokelela kuxilongo lukagqirha oluqinisekisa ukuxhatshazwa ngokwesondo.

Lixelwe emapoliseni kwinyanga yeDwarha, ityala langeniswa kubatshutshisi kwinkundla kamantyi eMatatiele nakwiziko leThuthuzela Care Centre. Ngaphandle koqhanqalazo loluntu kunye nenkxaso, iNPA yalile ukutshutshisa eli tyala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
67 %
1.8kmh
95 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
23 °
Mon
27 °
Tue
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks