I-IEC ifuna iNkundla yoNyulo ithethelele isigqibo sayo malunga nokonyulwa kukaZuma

IKomishini yolonyulo icele inkundla yolonyulo ukuba inike izizathu ezikhokelele kumyalelo wokuba ichithe inkcaso eyabekwa owayesakuba ngumongameli uJacob Zuma.

Lo myalelo wenziwe ngoLwesibini umhla wethoba (9) kuTshazimpuzi yinkundla ekhethekileyo. Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) uye wabhena ngokuchasene nesigqibo se-IEC sokuxhasa inkcaso echasene noZuma efuna ukugxothwa kwakhe ngokwemigaqo yeCandelo lamashumi amane anesixhenxe (Section 47) (1)(e) loMgaqo-siseko – elithi nabani na ogwetyelwe ulwaphulo-mthetho kwaye ugwetywe ixesha elingaphezu kweenyanga ezilishumi elinesibini (-12) entolongweni ngaphandle kokukhetha isohlwayo sentlawulo akavumelekanga ukuba amele isikhundla sikarhulumente.

IMK isiphumelele esisibheno. Nangona kunjalo, akukabikho zizathu zinikwe yinkundla. Kungoku nje, igama likaZuma kulindeleke ukuba livele kuluhlu loMkhonto Wesizwe xa i-IEC ikhupha uluhlu lokugqibela lwabagqatswa balo mbutho ngoLwesithathu umhla weshumi (10).

INkundla yoNyulo yasichitha isichaso ngaphandle komyalelo weendleko. Kusenjalo, igqwetha likaJacob Zuma, uAdvocate Dali Mpofu uphinde watyhola ngelithi ukurhoxiswa kwesigwebo esinikwe lowo wayesakuba ngumongameli uCyril Ramaphosa kuthetha ukuba esona sigwebo anikwe sona uZuma ziinyanga ezintathu (3).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
88 %
2.4kmh
0 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA