7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

I-InterCape ifuna uxanduva lwamapolisa malunga nokhuseleko lwabakhweli.

Umqhubi weebhasi zemigama emide zakwa-InterCape uthi amapolisa ngoku kufuneka aphendule ePalamente ngokuthandabuza kwawo ukuphuhlisa isicwangciso sokukhusela abakhweli nabaqhubi babo kuhlaselo lobundlobongela.

Le ngxelo ilandela impumelelo ye-InterCape kwiNkundla ePhakamileyo yaseMakhanda kwiveki ephelileyo.

Inkundla isikhabile ngeendleko isicelo sikaMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, iNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS), kunye noMkomishinala weNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika sokubhena kwisigwebo senkundla ephakamileyo yangaphambili. Esi sigwebo sabayalela ukuba benze isicwangciso sokukhusela abaqhubi beebhasi nabakhweli.

Ingqonyela ye-InterCape uJohann Ferreira uthi:

“Ndicinga ukuba baphelelwa ngamathuba kwaye ndicinga ukuba bafikelele esiphelweni sendlela. Le ibaluleke kakhulu ngoku kufuneka bafake eso sicwangciso sokhuseleko, abazame ukungakwenzi, kwaye baya kuba phambi kwekomiti yepotfoliyo yamapolisa ePalamente ngomhla wamashumi amabini nanye (21) kweyeThupha 2024.

Ukwathe ucinga ukuba kufuneka baqale ukucacisela iPalamente ukuba kutheni bethandabuza ukufaka esi sicwangciso kwaye bathathe amanyathelo.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks