18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Umililo wamadlelo ubulele abantu eKZN: UMphathiswa weCOGTA uza kutyelela iindawo ezichaphazelekayo njengoko inani labantu ababhubhayo lisanda.

NgeCawe umhla weshumi elinesine kule yeKhala 2024,, umlilo uthathe ubomi babantu abathathu ngelixa abahlali abasixhenxe bebhubhile xa amakhaya abo etshatyalaliswa ngumlilo.

ISebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA) KwaZulu-Natal (KZN) lingqinile ukuba abanye abacimi-mlilo abathathu bathe babhubha ngethuba bejijisana nomlilo.

NgoMvulo uMphathiswa weCOGTA uThulasizwe Buthelezi kulindeleke ukuba atyelele uluntu oluthwaxwe yilentlekele.

“Amasebe ohlukeneyo kurhulumente athe aqokelelana ukuze anike inkxaso kulo lonke uluntu oluthe lwachatshazelwa ngulo mlilo ugqubayo,” sitshilo isithethi saseKZN COGTA uSenzelwe Mzila.

Omnye umcimi-mlilo ulwela ubomi bakhe esibhedlele.

Le mililo ibaleke yahlasela imimandla yeli phondo kwiveki ephelileyo, nangona ibiqulethwe kwiindawo ezininzi izinto zijike ngendlela eyahlukileyo ngempelaveki.

Kwiveki ephelileyo, abasemagunyeni kwaCOGTA bangqinile ukuba imililo yamadlelo iphungukile ngakumbi kwiindawo ezisemantla ephondo apho uburhabaxa kakhulu.

Lo monakalo sele ushiye iintsapho ezisixhenxe zizilele abantu bazo ababathandayo ngenxa yalo mlilo.

USodolophu waseMmngeni uChris Pappas unike ingxelo ngendlela ababhubha ngayo abacimi-mlilo.

“Abacimi-mlilo abathathu babhubhele kwindawo yexhwayelo kwaye abanye abathathu babhubha kamva esibhedlele ngenxa yobuzaza bokutsha kwabo. Omnye umcimi-mlilo usesibhedlele ekwisixhobo sokuphefumla esilwela ubomi bakhe. Ukusukela phezolo, akukho zakhiwo zichaziweyo njengezimoshakeleyo.”

UPappas uvakalise amazwi ovelwano kwabo basweleke besemsebenzini.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks