I K9 YASE CRADOCK KUNYE NONOGADA BENDLELA BABAMBE ABARHANELWA ABAQHEKEZE INDLU

Amalungu eCradock K9 kunye nabePatroli beHighway balandele ngempumelelo kwaye babamba abarhanelwa abathathu (3) abaphakathi kweminyaka engama-22 ukuya kuma-27 ubudala ngokufunyanwa nezinto ezibiweyo ngokungekho mthethweni.

Kutyholwa ukuba ngoLwesine umhla we-04 kuCanzibe 2023 kwavulwa ityala lokuqhekezwa nobusela kwaSAPS Cradock kwaye izinto ezibiweyo ziquka iilaptop kunye nerejista yemali. Ixabiso lilonke eliqikelelweyo ngama-R46 503.

Zonke izinto zafunyanwa kwaye zachongwa ngumnini.

Bonke abarhanelwa ababanjiweyo bazakuvela phambi kweNkundla kaMantyi yaseCradock kungekudala.

Ukhomishinala weSithili saseChris Hani, uMajor General Rudolph Adolph uqhwabele izandla amalungu eCradock K9 kunye neHighway patrol ngomsebenzi omkhulu obangele ukufunyanwa kwezinto ezibiweyo kunye nokubanjwa kwabarhanelwa.

Imibuzo: Captain Namhla Mdleleni
082 779 7237

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA