UMama uMarry Jansen oneminyaka engamashumi asixhenxe anethoba ubudala waseMissionvale eGqeberha kweliphondo leMpuma Koloni uthi ngoku uzawuphefumla umoya omnandi emva kokuba uMaspala waseNelson Mandela Bay ethe wasabela kwisikhalo sakhe seminyaka sokuba kususwe ubugoxo benkunkuma ecaleni komzi wakhe.
Abantu bebelahla izinto ezimdaka ngokungekho mthethweni kufuphi nendlu yakhe. Oku kuza emva kokuba imeko yalenkondekazi ithe yafikelela kwindlebe zelungu lalomapala uCllr Thsonono Buyeye nojongene nemicimbi yempilo kulomaspala.
Ukanti uBuyeye uye wasabela ngokutyelela elikhaya namhlanje umhla we5 May 2023 ze basuswa ubugoxo bobumdaka ecaleni kwekhaya likaMama uJansen. Lenkondekazi ithi ichulumancile kakhulu emva kokuba ethe walufumana uncedo emva kwexesha elide engafumani ncedo kubahlali balendawo.
Uqhube wathi umhla wesihlanu kuMay lusuku lokuzalwa kwakhe nanjengoko ebhiyozela iminyaka engamashumi asixhenxe anethoba lonto imenza onwabe ngakumbi nanjengoko ebehleli iminyaka emininzi enukiselwa bubumdaka engafumani ncedo ngoku uziva efumene esona sipho sikhulu ngosuku lokuzalwa kwakhe.
Uthi indlu esecaleni kwakwakhe yatsha yangqongqa ze abahlali bayenza indawo yokulahla inkunkuma ngokungekho mthethweni ntoleyo ibisenza kubenzima kuye kwa ukusebenzisa eminye iminyango ngenxa yevumba elibi elisuka kulendlu.
UCllr Buyeye uthi iyakhwakqisa into yoba abantu babaphathe kabuhlungu abantu abadala, uthi bakhule kwixesha apho kusithiwa thanda umakhelwane wakho kodwa ngoku babona elinye icala labantu abangenzi kakuhle. Ubakhalimele abahlali ngokulahla inkunkuma kwindawo ekungafanelekanga esithi oku akukho mthethweni.