I-NASGB imemelela ukuba kususwe inqununu yeSikolo samaBanga aPhakamileyo sasePretoria.

UNobhala Jikelele woMbutho weSizwe wamaBhunga oLawulo lweZikolo (i-NASGB), uMatakanye Matakanye umemelele ukuba isuswe ngoko nangoko inqununu kwisikolo samabanga aphakamileyo samantombazana, ePitoli.

Oku kuza emva kokuba uMphathiswa wezeMfundo eRhawutini, uMatome Chiloane ubhengeze ngoLwesibini le nqununu inqunyanyisiwe kanga ngeenyanga ezintathu (3) ukuze kuqosheliswe uphando ngezityholo zobuhlanga esikolweni.

Abafundi abalishumi elinesibini (12) bajamelene nesohlwayo ngenxa yemiyalezo ethunyelwe kwiqela likaWhatsApp nezityholwa ngokuba zizinto zobuhlanga.

UMatakanye uthi ukusilela kwenqununu ukujongana nezikhalazo zocalulo lwabafundi abamnyama kubonisa ukwala ukwamkela uMzantsi Afrika omtsha.
Ukwathe, xa kuthethwa ngenqununu baye bavakalelwa kukuba mayingaphindi ibuye.

Makagxothwe kuba bafunde ukuba le nqununu ineminyaka emibini iyazi le nto kwaye ayenzanga nto. Ngoku bacinga ukuba akafanelekanga ukulawula izikolo kuba usaqhuba esi silwanyana sibizwa ngokuba lucalucalulo, akulunganga kuMzantsi Afrika omtsha. Ngoko ucinga ukuba makahambe.

Ingcali kwezakwahluka-hlukeneyo uTeresa Oakley-Smith uthi iSebe leMfundo laseRhawutini, lithathe amanyathelo akhawulezileyo malunga nokunqunyanyiswa kwabafundi kunye nenqununu.

U-Oakley-Smith uthi ukunqumamisa abantu ngoko nangoko ngaphandle kokwenza uphando olucokisekileyo ayingomgaqo ulungileyo.

“Phambi kokuba singxame ngokusabela kwangoko, masenze uphando olunzulu ukuze siqonde ngokwenene. Kuya kuba sengqiqweni ngakumbi ukwenza uphando olucokisekileyo nabantu abaqonda ngokwenene iyantlukwano, ulingano kunye nokubandakanywa.”

“Ngoko ke ngokwesiseko saloo nto, kufuneka silungiselele ungenelelo oluqhubekayo olunokubandakanya iindibano zocweyo, ukuthantamisa noqeqesho, olunokuthi lubandakanye iiseshini zeentlobo ezahlukeneyo zocalulo. Ezi kufuneka zibekwe esweni kwaye zivavanywe njengoko zihamba,” wongeza u-Oakley-Smith.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA