Anikwe ibheyile amapolisa amathathu abevele phambi kwenkundla yamatyala oRhwebo eMthatha eMpuma Koloni emva kokutyholwa ngobuqhetseba.
Igosa lephondo elathatha umhlala-phantsi kwiSebe loLwaphulo-Mthetho oluQuquzelelweyo, uKapteni Sandla Dlulisa, (63), ugxothe owayesakuba nguSajini uKenneth Booi, (44), kunye noSajini u-Andile Warrick Mpitimpithi, (49), noselilungu elisebenzayo kwisebe loLwaphulo-Mthetho oluQuquzelweyo lwePhondo babekwe izityholo zobuqhophololo bobuqhophololo.
Esi sithathu saabanjwa ngamalungu eqela loPhando ngoBuqhophololo obunzulu (ooKhetshe) elizinze eMonti ngentseni yangoMvulo umhla wamashumi amabini anethoba ku-Julayi.
Isithethi sooKhetshe ephondweni uKapteni Yolisa Mgolodela uthi olu lwaphulo-mthetho lwenziwe phakathi kweyoMnga ka-2017 ukuya kweyeThupha ngo2018.
“Kutyholwa ukuba phakathi kweyoMnga ka-2017 ukuya kweyeThupha ka-2018, uDlulisa, uBooi noMpithimpithi baye badibana bafaka amabango obuqhophololo achaza ukuba baza kuphanda, lo gama besezi-ofisini okanye kumakhaya abo.
“Uphando ludize ukuba ngeli xesha likhankanyiweyo, abarhanelwa besenza la mabango inyanga yonke kuquka neeholide zikawonke-wonke, ngelixa bephuma bengena e-ofisini kwaye bengazange balale nakwesinye isixeko okanye iidolophu apho bathi bebeqhuba uphando khona,” watsho uMgolodela.
Uphando lweeHawks luphinde lwadiza ukuba ngexesha lobuqhophololo obenziwayo, esi sithathu sakrelemnqa iSAPS imali exabisa ngaphezulu kwe-R260,000.
Inkundla inike umntu ngamnye ibheyile ye-R5,000.
Ityala lihlehliselwe umhla we-27 kweyeThupa 2024, ukuze kufunyanwe imiyalelo epheleleyo kumagqwetha abhalwe phantsi.
Intloko yeeHawks ephondweni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulincomile eli gqiza ngokumisela umthetho ngaphandle koloyiko okanye umkhethe, nkqu noogxa bakhe.

