I-Nelson Mandela Bay ixhalabile ngamangcwaba azaliswe ngamanzi

Intloko yesebe lezempilo loluntu kumasipala ombaxa weNelson Mandela Bay, uThsonono Buyeye ukhokele utyelelo kwindawo yamangcwaba esixekweni kulandela izikhukhula zakutsha nje.

Uthe eyona nto ichaphazeleke kakhulu ngamangcwaba aseMotherwell apho kulindeleke ukuba umsebenzi wokwakha uqalise kwakamsinyane ukuqinisekisa isisombululo esizinzileyo kwimiba eqhubekayo xa kusenzeka izikhukula.
UBuyeye uthi baye bavavanya amangcwaba kulo lonke elaseBay kwaye abona bantu bachaphazeleka kakhulu yiMotherwell neGerald Smith Cemetery eKariega.

IKariega irekhode imvula enkulu engama-224.8 mm kule veki ekhokelele kumonakalo omkhulu kulwakhiwo.
Amawakawaka abahlali kuye kwafuneka akhutshwe kwaye ngoku agcinwe kwiindawo zokuhlala.  UBuyeye uthe kukho umceli mngeni oqhubekayo esixekweni nanini na kukho iimvula ezinkulu kwaye ukuphuphumala okungaguqukiyo kwamangcwaba yinto abazama ukufumana isisombululo esisigxina. Uthe bazakuqala ukusebenza kumangcwaba aseMotherwell ukuqinisekisa ukuba amanzi emvula ayangena kumjelo okhoyo.

Umasipala ombaxa uthi ngenxa yokunqongophala kwemali bangaya kumangcwaba aseMotherwell okwangoku kuphela njengoko benesithathu sezigidi zeerandi (3 million) efumanekayo ukulungiselela le projekthi.

UBuyeye ukwalumkise uluntu ukuba lungazikholelwa iindaba zomgunyathi ezijikeleza kumakhasi onxibelelwano ezichaza ukuba akuzungcwatywa kule mpelaveki.
Uthe amanzi sele eqalile ukuhla kwaye akukho sizathu sokungaqhubeki nokungcwatywa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA