Abantu abahlanu badutyulwe basweleka kwisityholo esirhaneleka ukuba sinxulumene nemigewu e-Atlantis kuNxweme oluseNtshona eNtshona Koloni.
Isithethi samapolisa uNovela Potelwa ungqinile ukuba abanye abantu abahlanu bonzakele. Ngokweengxelo, amaxhoba ayebuyela ekhaya esuka elunxwemeni xa amadoda angaziwayo adubula iimoto ezintathu ebehamba ngazo. Uthi amaxhoba aphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo (28) ukuya kumashumi amathathu (30) ubudala.
UPotelwa uth, abecuphi abachasene nemigulukudu basebenze ubusuku bonke bekhangela aba badubuli. Njengoko kuqhubeka ugqogqo, amapolisa ase-Atlantis avule amadokhethi okubulala kunye nokuzama ukubulala ukuze kuphandwe. Akukho mntu ubanjiweyo ngesi sehlo ekukholelwa ukuba sesentanyeni yemigewu.