Ibhanki yasePosini ithi iindawo zayo zokubhatala imali yesibonelelo sikarhulumente kumasebe asePosini azisayi kuphinda zisebenze ekupheleni kwenyanga yoKwindla.
Lo mbutho uthi sele uqalisile ukuphelisa ezinye iindawo zokubhatala imali ngaphakathi kwamanye amasebe abonelela abaxhamli abangaphantsi kwamashumi amahlanu.
Abafumana inkxaso-mali ngoku baza kukwazi ukutsala imali ngokusebenzisa amajelo ohlukeneyo eNkqubo yeeNtlawulo zeSizwe (NPS) kuquka ii-ATM kunye nabathengisi abafana noShoprite.
Isithethi sebhanki yasePosini uBongani Diako uthe, nangona kunjalo, ugxininise ukuba iPosi izakuqhuba ibonelela ngeenkonzo ezingezizo ezemali kubaxhamli.
UDiako uthi, “Isicwangciso sethu sokunxibelelana ngolu tshintsho no-SASSA sigxininise ngakumbi ekubandakanyweni ngokuthe ngqo abaxhamli kwezi nyanga zimbini zidlulileyo zentlawulo.”
“Amaqela ahlawulayo ebebazisa ngotshintsho lo gama bebancedisa kumalungiselelo enguqu, kwaye bebacebisa ngendawo ekufuneka baye kuyo njengenye indlela, nokuba baqale ngaliphi ixesha ukufumana imali yabo kodwa ngokuqinisekileyo siya kulunyusa unxibelelwano. ” utshilo