INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) ithi ikwazile ukunqanda amabango obuqhophololo angaphaya kwe-R2.6 yeebhiliyoni zeerandi kule minyaka-mali mithathu idlulileyo.
Le mpumelelo isisiphumo somsebenzi omhle owenziwe liSebe loPhando lwaseNkundleni lale ngxowa-mali.
Isithethi seRAF uBoniswa Matshoba uthi oogqirha, amagqwetha, amaxhoba, abasebenzi bale ngxowa-mali kunye neenkampani zamashishini, baphakathi kwabantu abohlwaywa ngokuqhatha le ngxowa-mali.
Uthi amabango angama-713 ewonke aye akhatywa kunyaka-mali ka-2022/2023, angama-448 ngo-2021/22, kunye nama-4 172 ngo-2020/21.
Kule minyaka-mali mithathu idlulileyo, kuye kwabanjwa abantu abangama-32; 15 ngo-2022/23, 12 ngo-2021/22, kwaye ezintlanu ngo-2020/2021.
Esona sigwebo siphakamileyo ngeli xesha yaba kukuvalelwa ngokuthe ngqo kwegqwetha elagwetywa iminyaka eli-12 ithothoza entolongweni.
“Ngaphakathi uphando lukhokelele ekunqunyanyisweni kwabasebenzi abasixhenxe phakathi konyaka ka2020/21 ukuya ku2022/23.
Ingqonyela yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela, uCollins Letsoalo, uthi le ngxowa-mali ihleli ithe qwa kwaye iphanda imeko nganye njengoko ivela.
Wongeze ngelithi, ubuqhophololo bale ngxowa-mali buhlutha abo babangayo nabaxhomekeke kubo ubomi babo.
“Ikwadala ifuthe elibi kwimeko yentlalo noqoqosho lwelizwe. Siya kuqhubeka silandela ngamandla naliphi na iqela ngaphakathi okanye ngaphandle elenza izenzo zobuqhophololo okanye iinzame zokwenjenjalo.”

