Uluntu lweseMpuma Koloni luxhalabile malunga neziganeko ze-GBV

Iziganeko ezithe gqolo zokubulawa kwabasetyhini kunye nobundlobongela obujoliswe kwisini zishiye uluntu lwaseMahlubini eNgqamakhwe eMpuma Koloni lunxunguphele. Lininzi igazi elaphalala kule lali kule minyaka mine idlulileyo.

Abasetyhini abane babulawa ngenkohlakalo ngelixa abanye ababini bebaleka kubahlaseli babo benzakele kakhulu. Kwiveki ephelileyo, intwazana eneminyaka engama-22 ubudala yadlwengulwa yaza yanqunyulwa umqala phambi kokuba umzimba wakhe ulahlwe kwindlu yangasese emhadini.

UNomaphelo Mzileni oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ebehlala nomama wakhe kunye nentombi yakhe eneminyaka emithathu ubudala, kodwa okubuhlungu kukuba ubomi bakhe banqunyulwa kabuhlungu kwiveki ephelileyo. Oku kusemva kokuba lixhoba lendoda yaselalini esele ibanjiwe ngesi senzo sibi.

Umzimba kaNomaphelo ongaphiliyo wafunyanwa ulahlwe kwindlu yangasese emhadini. Usapho lwakhe luhleli lunxunguphele nanjengoko umama wakhe uNothemba Mzileni ekhathazekile.

“Into endayiva kubahlobo bakhe, intombi yam nomenzi wobubi bebesuka kwindawo yentselo. Wahamba ke waya kowabo noNomaphelo. Xa ndibabuza ukuba ngaba kukho imvisiswano phakathi kwabo kuba intombi yam yayingathandani nayo, ndaxelelwa ukuba ikhona. Ndiye ndaxelelwa ukuba wamnika utywala obuninzi ethaveni wanxila. Kodwa wathi xa efuna ukulala naye wala balwa. Ufunyenwe ze enganxibanga kwa panty yakhe.”

Kwikhaya elikufutshane kukho inina elineminyaka engamashumi asibhozo anesine (84) eliphila nentlungu yokudlwengulwa kunye namanxeba okugempwa ngezembe ngumenzi wobubi kunyaka ophelileyo. UNolusapho Sithinte wasinda ngenxa yokwaphuka kwengalo kunye nokwenzakala okubi entloko.

Umrhanelwa owayamene nolu hlaselo usavalelwe, kodwa okubi nangakumbi, ulixhoba lokudlwengulwa kabini.

“Yayisisizalwane sam esandihlasela okokuqala kwaze okwesibini ndahlaselwa ngumzukulwana wam. Umhlaseli wokuqala wakhaba ucango lwavuleka. Bendisenamehlo am ngoko kwaye bendiliva nelizwi lakhe, yindlela awabanjwa ngayo. Owesibini naye wakhaba ucango waqala wabetha intombi yam. Ndalila wafika wandibetha. Igazi laliphuma entlokweni yam. Ndiye ndanyoshoza phandle ndafowunela umamakhe kuba uhlala kufutshane. Ndithe siyafa apha. Yiza ulande umntwana wakho.”

Uluntu lwasemaHlubini luziva lungenakuzenzela nto, lusithi le meko iphuma esandleni. Ixhego, uThembelani Nkehle, ukholelwa ukuba uluntu lunendima ekufuneka luyidlalile ukunqanda le mikhwa imbi ekuhlaleni.

“Ibuhlungu into eyenzekayo kule lali. Kokwesine isenzeka le nto kule lali. Ezi zinto ziyenzeka kwezinye iilali, kodwa zixhaphakile kule lali.”

Amabhinqa aselula aziva engakhuselekanga emakhayeni awo. UYamkela Yose uthi iliso ngeliso.

“Ukuba singazibekela owethu umthetho siluluntu sithi ukuba umntu ubulele naye uyabulawa kungangcono izinto. Ukuba umzekelo sibeka ingxelo yokuba ukuba uyabulala, yile ndlela esiya kukohlwaya ngayo, izinto ziya kutshintsha zibe ngcono. ”

Amanye amaxhegwazana ale lali akholelwa ukuba iintsuku ezilishumi elinesithandathu zokungaxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana zineziphumo ezichaseneyo kwaye zandisa amathuba okuhlaselwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA