I-SABC IYASIKHABA ISIBHENGEZO SOLONYULO LWAMVA NJE LWE-DA.

I-SABC ixelele uGunyaziso lwezoNxibelelwano oluZimeleyo lwaseMzantsi Afrika (Independent Communications Authority of South Africa – ICASA ngolwasemzini) ngesigqibo sayo sokukhaba isibhengezo sezopolitiko seDemocratic Alliance (DA) apho phakathi kwezinye izinto sibonisa ukutshiswa kweflegi yesizwe.

I-SABC kwimbalelwano yabo ithi basibeke esweni isikhalo sabemi boMzantsi Afrika bazo zonke iintlanga begxeka esi sibhengezo sisasazwa kumaqonga ohlukeneyo eendaba. Ngokunjalo, i-SABC ikholelwa ekubeni esi sibhengezo sikhuthaza ukonakala kweempawu zesizwe ezixabisekileyo. Baqhuba ngokuthi Iflegi yesizwe luphawu lwesizwe olumele izinto ezahlukeneyo zelizwe nomanyano lwesizwe. Ukongezelela, kulindeleke ukuba iflegi yesizwe inikwe isidima nentlonelo. Ngaloo ndlela, indwe ayimelanga amaqela ezopolitiko kodwa isizwe ngokubanzi.

I-SABC ithi iqela iDA malitshintshe esi sibhengezo ukuze sisasazwe.

“Sikhuthaza iDA ukuba ilungise isibhengezo kwaye siphinde singeniswe ukuze sisasazwe.”

Iqela le-DA ngeliziphendulelayo kwi-SABC bathi baceba ukusa i-SABC enkundleni kamantyi.

Inkokeli yombutho ophikisayo weli lizwe uJohn Steenhuisen, uthe iDA lo mbutho uza kusa enkundleni ijelo lezosasazo loMzantsi Afrika (SABC) ngenxa yokukhaba isibhengezo salo sonyulo samva nje esibonisa ukutshiswa kweflegi yelizwe.

“I-DA iza kulwela ukuya kweyona nkundla iphakamileyo emhlabeni ukuze ikhusele umgaqo-siseko wethu,” utshilo okaSteenhuisen.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA