By Asipile Kitchen.
I-South African Communist Party ibiza intlanganiso yothethwano engxamisisekileyo ukuze kuxoxwe ngeendlela ezi zinzileyo ngohlahlo lwabiwo mali lika-2025.
Oku kuza xa kanye ipalamente ilungiselela ingxelo yomgaqo-nkqubo yoMphathiswa wohlahlo lwabiwomali uEnoch Godongwana, ebekelwe umhla weshumi elinambini (12) kweyoKwindla, 2025.
Okulandela intlanganiso ebibanjwe ngempela-veki, iSACP ibongoze urhulumente ukuba anike uSARS (South African Revenue Services) ezinye izibonelelo, ikwachasana nengcebiso zeANC (African National Congress) zokuba irhafu inyuke ngepesenti ezimbini (2%).
Isithethi seSACP uGqirha Alex Mshilo uthe, “Ezinye iindlela esizicelayo kufuneka zibandakanye uqingqo-mali lwe-akhawunti yenkunzi, uthintelo oluqinisekileyo lokusetyenziswa kwemali ngokungekho mthethweni kunye nokujongana nokhukuliseko olusisiseko kunye nokutshintshwa kwengeniso. Siyibiza ngokuba yirhafu yobutyebi kuba uMzantsi Afrika lelinye lawona mazwe angalinganiyo ehlabathini.”

