UQeqesho loLawulo lweShishini lweNYDA luba nempembelelo entle kakhulu kulutsha.

By Lilitha Phenduka.

UNtandeyenkosi Ntsimbi oneminyaka engamashumi amabini (20), ufunda eGqeberha kwizifundo zeBA kunxibelelwano lwemidiya (BA Communication Media) wabelane nathi ngobunzima bakhe, ediza ukuba uqale ukuncedisana nosapho lwakhe eneminyaka elishumi elinane (14) ethengisa ukutya okubhakiweyo.

Uchaze ukuba ukwaqale neshishini lokuthengisa iimpahla kwaye ebefumana inkxaso ebantwini kangangoko ze ngonyaka ka-2023 waqala uphawu olohlukileyo olulolwakhe lwemphahla kodwa uqhaphele ukuba udinga ulwazi olunzulu ngokwazi ngokuphatha ishishini ukuze azilungiselele.

Isibhengezo senkqubo yeentsuku ezintlanu (5) eqalwe yi-NYDA ijolise ekudaleni imeko-bume efanelekileyo koosomashishini abasakhulayo ukuze bafikelele kwizakhono ezifanelekileyo zokushishina, ulwazi, iinqobo ezisemgangathweni nezimo zengqondo kumashishini abo.

Le nkqubo ibonelela ngoqeqesho lwamaqhekeza oshishino oluphendula ngokufanelekileyo kwiimarike kunye neemfuno zoshishino zabantu abatsha.

I-NYDA ichaze ngobambiswano neQela le-Aucor-ngomzamo wokuxhobisa ulutsha loMzantsi Afrika. Le ntsebenziswano ibonisa ukuzibophelela kwamaziko karhulumente nawabucala ekusebenzisaneni kunye ukuze kuphuhliswe ulutsha ngokudala amathuba okuba luthathe inxaxheba kwezoqoqosho.

USihlalo oLawulayo we-NYDA, uNksz Asanda Luwaca uthe, “Iziko lethu lisekwe ngesigunyaziso sokuqhubela phambili uphuhliso lolutsha ngokukhokelwa kunye nenkxaso kumanyathelo okuqala kuwo onke amacandelo oluntu nakumanqanaba karhulumente.”

UNtsimbi uthi uzakusebenzisa izakhono azifundileyo ukuphakamisa ishishini lakhe aze afake isicelo senkxaso-mali ngethuba ekholelwa ukuba ishishini lakhe likwindlela elungileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA