By Buhle Nomgalasa.
UMbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika (SACP) umemelela umbutho we-African National Congress (ANC) ukuba uthathe “inyathelo eliqinisekileyo” ukhabe umbutho we-Democratic Alliance (DA) kurhulumente womanyano lwesizwe (GNU).
I-SACP ibongoze amahlakani ayo ukuba angaqhubeki esebenzisana namaqela avotele ngokuchasene nohlahlo lwabiwo-mali.
I-SACP iyamgxeka urhulumente ngokupasisa uhlahlo lwabiwo-mali ngokunyuswa kwe-VAT, isithi oko kuya kubachaphazela kakhulu abantu abahluphekayo nabangasebenziyo.
UNobhala Jikelele we-SACP, uSolly Mapaila, uthe ukukhatywa kwe-DA kohlahlo lwabiwo-mali akubangelwanga kukukhathalela abantu abangathathi ntweni koko kuzama ukufumana iminyinyiva kwiANC.
“Ayinakwenzeka into yokuba siqhubeke nokusebenzisana nabo phantsi kolu hlobo lwamalungiselelo, yiyo lo nto siye sahlaba ikhwelo lokuba mabasuswe kwiGNU. Siyazi ukuba abazokuhamba ngokuzithandela, ngoko ke sifuna inyathelo eliqinisekileyo, ingakumbi kwi-ANC njengowona mbutho kurhulumente ukuqinisekisa ukuba iyayisusa i-DA.”

