Ikomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo ipapashe ingxelo ekrakrayo ngeziphumo zayo ngentlekele yase-Enyobeni ekwabhubha kuyo abantu abatsha abangamashumi amabini ananye (21).
IKomishini ifumanise ukuba iBhodi yoTywala eMpuma Koloni, njengequmrhu elikhupha iimpepha-mvume zokurhweba, ayiwuhoyanga umsebenzi wayo wokukhusela abantu abasesichengeni kushishino lotywala ngokungekho mthethweni.

