Umphathiswa wezempilo uGqirha Joe Phaahla uthi kunyukile ukubhaqwa kwezifo ezixhaphakileyo ezosulela ngokwabelana ngesondo (STDs) ezinxulumene neendidi ezininzi zomhlaza. UPhaahla wenze intetho yakhe kumsitho weveki yogonyo eHebron kumantla ePitoli, nmhlanj umhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi 2024.
Uthi kubalulekile ukuba uluntu lundwendwele amaziko ezempilo akufutshane ukuze kuhlolwe ukhuseleko kunye nokubonwa kwangoko usulelo lwe-‘Human Papilloma Virus’ (HPV) phambi kokuba lukhule lube ngumhlaza ovuthuzayo ngokupheleleyo.
U-Phaahla uthi ugonyo kwangethuba sesona sisombululo.

