IKomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SAHRC/ iKomishoni) namhlanje iza kuchophela ityala kwiNkundla yoLingano eGqeberha ngokuchasene noMnu Renaldo Gouws, oliLungu lePalamente, ngezityholo zokuthetha ngobuhlanga ezinxulumene nemiyalezo ye-intanethi.
Kule vidiyo, umnumzana Gouws uvakala esithi makubulawe abantu abamnyama esebenzisa intetho ekhubekisayo nenyelisayo. Lo mxholo ucacileyo, owaqala Le ntetho wayipapasha kwitshaneli yakhe kaYouTube ngenyanga yeNkwindla ka-2010, olu shicilelo lubonisa indlela yokuziphatha engahambelaniyo nemithetho-siseko yesidima kunye nokulingana kwabantu boMzantsi Afrika echazwe kumthetho welilizwe.
Kule vidiyo, uMnu Gouws kutyholwa ukuba wenze le ngxelo ilandelayo: “Makubulawe bonke abantu abamnyama”, ephinda-phinda kwaye ethukisela.
Emva koko, iKomishoni iye yaphawula ukuba iqela labemi boMzantsi Afrika kumakhasi ezonxibelelwano bakhathazekile yintetho kaGouws becela ukuba lekomishoni ingenelele kulo mba. Emva kokuphononongwa komxholo, iKomishoni iye yagqiba kwelokuba amazwi athethwe nguMnu Gouws aquka intetho enentiyo njengoko kuchaziwe ngokwecandelo 10 nele-11 loMthetho wokuPhakanyiswa koLingano nokuThintelwa koCalulo oluNgalunganga ka-2000 (PEPUDA okanye uMthetho woLingano).
IKomishoni igunyaziswe ngokwecandelo 13(3)(b) loMthetho weKomishoni yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika wamashumi amane (40) ka-2013 (uMthetho we-SAHRC), ukuze izise iingxoxo kwinkundla efanelekileyo okanye kwinkundla yamatyala egameni layo okanye egameni lomntu, okanye iqela okanye udidi lwabantu.
Ngenxa yesikhundla sikaMnu Gouw njengeLungu lePalamente, izenzo zakhe ezibikiweyo zithwala ubunzima noxanduva olukhulu ngakumbi, njengoko kulindeleke ukuba axhase kwaye abandakanye imithetho-siseko ebhalwe kuMgaqo-siseko, kuquka isidima somntu, ukulingana, nokungacalucaluli.