I-SAPS EMPUMA KAPA IVALELISA KUMKOMISHINALA OPHUMAYO WESITHILI I-O.R TAMBO.

INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika eMpuma KAPA ithi ndlela-ntle kuMkomishinala weSithili sase-OR Tambo ophumayo, uMajor General Phumzile Cetyana, notshintshelwe kwiPhondo leNtshona Koloni. Ukusukela ngomhla wokuqala (01) kweyeNkanga 2024, uMajor General Cetyana uqalise umsebenzi wakhe njengoMkomishinala weSithili seGarden Route, eNtshona Koloni.

Emva kokuqeshwa kwakhe njengoMkomishinala weSithili sase-OR Tambo ngomhla wokuqala (01) kweyeKhala 2022, ukhokele izikhululo zamapolisa ezilishumi elinesibhozo kunye neeyunithi ezilishumi elinesithandathu. UMajor General Cetyana wenze igalelo elikhulu nelincomekayo ekulweni ulwaphulo-mthetho kwiSithili sase-OR Tambo, nakwiPhondo leMpuma Koloni. Ubenenzame eziqaphelekayo zokuzalisekisa umbono wePhondo weminyaka emihlanu, i-Operation Sikhona.

UMajor General Cetyana waziwa njengejoni elihamba ngeenyawo ebelisoloko libonakala kwiilali ezahlukeneyo zeSithili iOR Tambo. Ubonakale enxulumana noluntu, ukubalula nje abambalwa, kwaMajola (eBhayi), Qumbu, Sulenkama, Bityi, Lusikisiki, nezinye iindawo ezininzi, ngeenzame zokunqanda ulwaphulo-mthetho kuzo zonke iikona zesithili.

ISAPS eMpuma Kapa imnqwenelele okuhle kodwa kuhambo lwakhe olutsha njengoMkomishinala weSithili saseGarden Route.

Ngokulinganayo, iPhondo laMagqala lamkela uMkomishinala weSithili se-OR Tambo ongenayo, uMajor General Katishi Norman Modishana, ovela kwiPhondo leNtshona Kapa, nowake wasebenza njengoMkomishinala weSithili seGarden Route.

UMajor General Modisana wajoyina amapolisa ngo-1987 kwaye wasebenza ngokuzimisela kumacandelo amaninzi kwilizwe liphela, kuquka neloPhuhliso lwezaBasebenzi, iYunithi yoNgenelelo yeSizwe, kunye neeNkonzo zokuPhendula ngoMsebenzi.

Usapho lweSAPS eMpuma Kapa lwamkela uMajor General Modishana njengoMkomishinala omtsha weSithili sase-OR Tambo. Iphondo lijonge ukuxhamla kumava akhe abanzi kunye nobuchule bakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA